Ukuphakamisa iintsimbi kuguqula ubom bomntu

UChris Nguta yindoda enamandla ezibalule ngokuphakamisa iintsimbi kwilizwe lonke.

Kwiminyaka yakudala ukuzilolonga ngeentsimbi ngokugqithisileyo bekubonwa njengento eyingozi.

Kodwa ngoku izinto ziguqukile. Amadoda aselula namadala ngokweminyaka aquqa ebuyelela kwiindawo zokuzilolonga kuba efuna ukulungisa imizimba yawo.

Ukuphakamisa iintsimbi kude kubonakale izihlunu kuvele neziphika yinto enomtsalane ebantwini kwaye ngoku umntu olungise umzimba ngeentsimbi uyabukwa kakhulu.

Umbuzo uthi: ingaba ukuphakamisa iintsimbi ngumdlalo okanye yindlela ethile yokuphila? Impendulo intlangothimbini, ithe ngumdlalo ofanayo neminye – kodwa ikwasisimbo sokuphila kwabanye.

Enye yamadoda ekuthanda kakhulu ukuphakamisa iintsimbi futhi ekhuphisene neziqwayi zoosozoso behlabathi nguChris Nguta waseQonce.

UNguta uxelele eli phephandaba ukuba umdlalo wabo uyafana neminye – kodwa lowo unomdla kuwo kufuneka alendele ngokupheleleyo indlela ekwenziwa ngayo ngoba ubungozi bukhona.

Le ndedeba yayiqala le nto ngo2009 ngethuba isengumfundi eFort Hare University kwiziko eliseDikeni. Ukungena kwakhe uNguta kwaphenjelelwa ngubhuti wakhe owayethanda ukuzivocavoca ngeentsimbi.

“Ndayibona kumkhuluwa wam le nto. Kanti nasesikolweni ndatsalwa kukubona izigantsontso zamadoda ezinamandla nemizimba eqatyiweyo,” utshilo uNguta.

“Yindlela yokuphila le nto siyenzayo. Ingaphezulu komdlalo. ULwazi Buso endafunda kuye wothuswa ngumdla endandinawo ngoba ndandisoloko ndimbuza ukuba kutheni le nto kufuneka nditye ukutya okomileyo xa ndisiya kukhuphiswano. Wandixelela okokuba ukuze umzimba wome uphinde uqoqeke kakuhle kufuneka kukhutshwe ityuwa namafutha. Wathi ke lo nto ayinakuze iyibeke engozini impilo yam kwaphela,” utshilo uNguta.

Umdlalo woosozoso uyamgoba umntu abe ngumntu osezingqondweni noyihlonelayo indlela yokuphila. Kulo mdlalo akufuneki mntu oziphethe kakubi, akutshaywa futhi notywala abusetyenziswa.

Ukusukela ngo2012 lo kaNguta uphumelele ukhuphiswano lweBorder apho waphuma phambili, ngo2013 wabuya nentshinga kwiSA Championship eyamnika ithuba lokuya kwilizwe laseMorocco angazange akwazi ukuya kulo ngenxa yokuswela imali.

Ngo2015, uNguta wazicacisa kukhuphiswano lwehlabathi elalibanjelwe eSandton, eGoli, elaliququzelelwa nguArnold Schwarzeneger – umdlali obalaseleyo kwimibonisobhanyabhanya emikhulu. Kwaku2015, le ndedeba yaphumelela kwiRise of Phoenix eyafumana iR32 000 kuyo.

Emva koko iqokelele iimali eziphaya kooR15 000 nooR2 000 athe wancedisa ngazo ekhayeni lakhe.