Ukusebenzisana kwamaphondo kungenza umahluko

Kwiziyunguma ebezikho kwisixeko saseThekwini kule mpelaveki iphelileyo, kuquka umdlalo wodumo wamashe angatyi ngca, umdlalo womculo, bekuquka nomdlalo wamanqindi wamaphondo olithoba eli.

Aba mpondo zihlanjiwe kwicandelo lasetyhini nabafana abathi bakudidi labangahlawulwayo belubanjelwe kwiholo yeziko lemfundo nenkcubeko kwizinga eliphezulu iDurban University of Technologies.

Onke amaphondo ebeliqule aligangatha, efuna ukuba abekwindawo yokuqala. Kukhawuleze kwacaca kodwa ukuba ngawaphi amaphondo anobunganga kunamanye. Ubusiva ngegwatyu kunye nokuzithemba kwala maqela ukuba ayabubona ubunganga bawo. Ingoma ibisitsho kungcangcazele igwala, kubonakale ukuba azilingani kwaye azitshotshelani.

Iphondo leMpuma Kapa kunye nelo belisindleka umsitho iKwazulu Natal ngawo amaphondo asoloko ekhuphisana kuzo zonke izigaba namanqanaba alo mdlalo ukusukela ngomnyaka ka-2010. Nangoku akutshintshanga nto.

Owona mbuzo umandla, ngowokuba wona enza ngantoni? Zeziphi ezi zinto anazo amanye amaphondo angenazo. Masithathe eli phondo leMpuma Kapa siphendle lona kuqala sibone ukuba lihlamba kowuphi na ukreqeba okanye lineliphi ilitye likaHili. IMpuma Kapa ikhe yasokola igqunyelelwe liqela laseRhawutini, lixesha eli iintambo bezixhuzulwa nguMnu Barris Barnard nesigqeba ebesingacingeli abadlali sibasengela phantsi nobunganga babo.

Emva kokumka kwesi sigqeba kwangena isigqqeba esitsha kubenotshintsho kuzo zonke izintlu zalo mdlalo, yaze yaphuhla italente yeli phondo. Eli phondo kunjalo belikhupha inwebu nocwambu lesizwe. Iqela laKwaZulu Natal lona ityala labo, ibikulala ngangubonye neMpuma Kapa kwimiba yokunqanda isigqeba ebesikho xa siphukaneka.

Omabini la maphondo azixelela ukuba makaphucule isimo samaphondo awo, nokuba ayakrwaqula kwimo yobume besigqeba sesizwe. Aqinisa zonke izintlu zalo mdlalo, ukuqala kubadlali, ubunkokheli, oosompempe nabagwebi kunye nabaqeqeshi. La maphondo ngawona anabagwebi abaninzi kunawo onke amanye amaphondo. Amanye amaphondo ibibangumngqongo nje okanye kungabikho nempunde.

Eyona nto ke ingamandla kukuba ayiyotalente yodwa eyenza ukuba iphondo lihambe phambili koko kukuba kufuthelwane.La maphondo mabini anemidlalo ebesoloko eyidlala omabini esabelana ngolwazi, amamva kunye netalente. Ubudlelwane bamaphondo kungajongwanga imidlalo yobuntshatsheli ibalulekile, kwaye ingawaphucula amanye amaphondo. Amanye amaphondo asesizaqhaga ekumanyeni iintlanga kwaye awakafuni ukuphuma ekubeni ziinkomo ezidla zodwa.

Kungakuhle, umzekelo, xa eli phondo libamba ubuntshantsheli balo libize abagwebi baseFree State bachophele le midlalo ukuze nabalapha baphume bawele iGqili beyokuncedisa kwela phondo.

Oku kungalola aba bagwebi, kubanike namava okujongana nabadlali abantlobontlobo. Elinye iphulo elinganncedisa kukuxonxa abagwebi noosempempe abasebatsha kula maphondo, nabazakukwazi ukufunda imithetho emitsha.

Abagwebi noosompempe abangayaziyo imithetho bangabangela imibathalala nakubadlali, baqhele ukunqandwa nalapho kungekho mfuneko. Amaphondo makazimisele ukusungula iphulo lokumisela abaqeqeshi abasemgangathweni nabakwaziyo ukusebenzisa onke amaqhinga ale mihla.

Amaphondo amaninzi aqinileyo angenza sibeneembethi manqindi ezikuluhlu lwehlabathi nesingazingca ngazo.