UMagusha ugacele intshinga yoMzantsi

UXolisa Magusha ungombe kanobom uSithupa Solwethu kumlo we-Eastern Cape Mini-flyweight obubanjelwe eWillowvale Indoor Sport Centre

Akukho namnye omthandabuzayo ngoku uXolisa Magusha emva kokugqugqisa kwiintanga zakhe! Le mbethi manqindi yaseSada inekamva elihle, oku kucace gca emva kokuphumelela kwitumente ebisingathwe yinkampani esakhulayo, Isizwe Boxing Promotions ibambisene noMbhashe Municipality, ebibanjelwe eWillowvale Indoor Sport Centre, kwiveki ephelileyo.

Le tumente inike ithuba iimbethi manqindi ezisaze ngobuso ezweni yaphinda yavelisa iintshatsheli ezintsha eMpuma Koloni.

Abantu abayivali imilomo emva kokubona uSithupa Solwethu erhwatshilizwa nguMagusha kumlo wentshinga ye-Eastern Cape Miniflyweight. Zombini ezi mbethi manqindi ziwuthathe umlo njengelona thuba lokugwencela kwinqanaba elingasentla emanqindini. Ngelishwa lakhe ke uSolwethu, kuye kwacaca ukuba usedyongo kakhulu kule yakwaMagusha ngoba imlahle phantsi kungaphelanga nemijikelo emibini. Kuye kwanyanzeleka okokuba usompempe amnqandele kwakucaca ukuba uSolwethu ulahlekelwe ngumlilo ngenxa yamanqindi ebetshawuza okombane kaMagusha. USolwethu usaqingqa kwaye le ibiyindlela yokuqinisa imbali yakhe. Kwimidlalo elishumi elinesine ayidlalileyo, imbalwa kakhulu ayiphumeleleyo. Lo nto ibonakele ngethuba esilwa noMagusha osele ethande ukuqina.

Phantsi kwegama lakhe uMagusha unemilo elishumi elinesihlanu; uphumelele ishumi elinanye, waphulukana nemithathu waze wadlala ntanganye komnye qha. Umlo uwuphumelele ngaphandle kobunzima ngoba uthi ebezilungiselele futhi eyifunde ngokupheleleyo indlela elwa ngayo indedeba yakwaSolwethu. Ngoku uMagusha ugxeleshe intshinga yelizwe anethemba lokuyilwela phambi kokuphela konyaka. “Bendiwulungiselele kakuhle lo mlo. Bendimxelele ukuba umlo uzakuphela msinyane. Ndaqaphela ukuba usaphumelele imilo emine qha kwishumi elinesine – kulapho ndimbone khona ukuba usengumntwana. Ukuba ndingadlalela intshinga yoMzantsi Afrika kumlo ozayo, ndingavuya. Bandithembisile ngokufumana umlo kwezi nyanga zizayo,” utshilo uMagusha.