UMaharaji liqhawe loMzantsi Afrika ohleli phezulu emva kokubetha iPakistan namhlanje

UKeshav Maharaji liqhawe loMzantsi Afrika obethe iPakistan ngothinti omnye emdlalweni wetumente yehlabathi obunzima eChepauk Stadium ngorhatya lwanamhlanje. Ngokufanayo neqela lesizwe lombhoxo eliyekelela kude kube ngomzuzu wokugqibela, iProteas iphantse yababulala ngeentliziyo abalandeli beqakamba abamince ixesha elide ngenxa yabaqhokri boMzantsi Afrika abebehamba ngesantya solovane. Iphumelele itosi iPakistan yakhetha ukuqhokra kuqala.

Ezo ibe ziindaba ezimbini kwiProteas, ekhokelwa nguTemba Bavuma, esokolayo xa idlala sekutshone ilanga. Ingene yenza imitsi engamakhulu amabini anamashumi asixhenxe (270) iPakstan emdlalweni wanamhlanje. Sisikweleti esikhulu eso, esiye sawunyanzela uMzantsi Afrika ukuba ukhuphe nebeliwabeke etyesini amandla ukuze uphumelele emdlalweni wanamhlanje.

Amadoda afana noSaud, uBarbar, uShadab noRizwan ngawona aqhokre imitsi emininzi ukuze iPakistan isondele kumakhulu amathathu. Ngenxa yomsebenzi omhle owenziwe yiPakistan kumangeno wayo, bekunyanzelekile ukuba uMzantsi Afrika ungene wenze umsebenzi obhetele kuneminye imidlalo ngoba lo wanamhlanje, ubuwusa phakathi kwamaqela amane aza kushiyeka kwitumente yehlabathi.

Izinto ziye zanzima emdlalweni emva kokuba uBavuma noQuiton de Kock bekhutshwe kwangoko emdlalweni. UBavuma uphume exwaye iphini lakhe emva kokufumana amashumi amabini anesibhoxo emitsi. Kanti yena uDe Kock uphume enze imitsi engamashumi amabini anesine kuphela. UMarkram uye wangena wawuzinzisa umdlalo woMzantsi Afrika obuphantsi koxinizelelo lwabadlali bePakistan abasebenzele ukuwuqwabaza namathambo uMzantsi Afrika.

Ngelishwa lakhe uMarkram, uphume enemitsi engamashumi alithoba ananye emva kokuba ibhola yakhe ibanjwe nguSaud. Amadoda amabini adlala ekugqibeleni, uMaharaji noTabraiz Shamsi, ngawona avale inkundla emdlalweni wanamhlanje. UMaharaji ube liqhawe loMzantsi Afrika emva kokusa iqela lakhe kumjikelo olandelayo wetumente yehlabathi yeqakamba ebanjelwe e-Indila kulo nyaka. Ekugqibeleni, uMzantsi Afrika uye waphumelela emva kokuba ufumene amakhulu amabini anamashumi asixhenxe ananye.