Baleqiswe esibhedlele abantwana baseKomani begabha, berhawuzelelwa, benesiyezi!

Bamaxhaphentshu bezama ukusindisa impilo yabantwana abangama-120 besikolo oogqirha kwisibhedlele iFrontier kwaMlungisi kuKomani emva kokurhaneleka kokuba batye ukutya okunetyhefu.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi seSebe lezeMpilo eMpuma Koloni uSizwe Kupelo ithi, aba bantwana bezikolo ezibini ezohlukeneyo babalekiselwe esibhedlele ngabeenkonzo zohlangulo olukhawulezileyo emini namhlanje uLwesine emva kokubonakalisa iimpawu.

UKupelo, uthi abantwana babonakalise iimpawu zokurhawuzelela, zokuphelelwa ngumphefumlo, ukugabha benezizaphuzaphu kwaye benazo neentlungu.

Abantwana ngokwe minyaka ukuzalwa baphakathi kwe8 ukuya kwi15.

Ingxelo iqhuba ithi nakwesinye isikolo sasekuhlaleni kwase Komani, abantwana bakwabonakalise iimpawu ezinje nabo babalekiselwe esibhedlele eFrontier nekusenziwe uvavanyo lotsalo gazi.

Eli Sebe liqinisekisile ukuba akukhomntwana uphulukene nobomi bakhe okwangoku kwaye abantwana bakunyango.