Iimveliso zomgunyathi ezithengiswa ngooMy Friend zigcwele eMpuma Koloni

Enye yeevenkile ezivalwe ngumasipala ombaxa iBuffalo City eMzamomhle ngenxa yokungathobeli imithetho. UMFANEKISO: BCM

Amaphulo ohlukeneyo okulwa ulwaphulo-mthetho athe enziwa kuMasipala ombaxa waseBuffalo City, naseNelson Mandela Bay, ngeenjongo zokuphelisa iimveliso zomgunyathi kunye nezinto ezingekho mthethweni ezivenkileni.

Oku yinxalenye yephulo lamapolisa eMpuma Koloni elibizwa, iOperation Shanela.

Ngokwengxelo yamapolisa, iimveliso ezingekho mthethweni ezithinjwe kwiivenkile zabemi bamazwe angaphandle ziquka iziqholo zomzimba eziyi-1976, izilarhastile eziyi-95, iikhrim zokukhanyisa ulusu ezingekho semthethweni eziyi-10 104, kunye neepilisi zokwandisa umdla kwisondo eziyi-31 744. Zonke ezi zinto ziye zathinjwa zixabisa ngaphezulu kwezigidi ezihlanu zeerandi (R5 508 390) zizonke.

Ingxelo iqhuba ithi kwakhona, eGqeberha, eli qela lohluthe iilekese neebhiskithi eziphelelwe lixesha kwezi venkile, kwaneziqholo zomgunyathi, iiEno kunye neeMed-Lemon, iitshaja zeselula, iibhokisi zecuba leminti, izinto zokuthambisa amazinyo, itshakoli yeHookah kunye noomatshini bokungcakaza. Lilonke ixabiso lezi zinto zohluthiweyo zingaphaya kwezigidi ezisibhozo zeerandi (R8 877 941).

“EMonti, iikhemesti ezintathu zohlwaywe ngokusebenza kungekho usokhemesti obhalisiweyo ngethuba behambisa amayeza. Ukanti kukwafunyenwe amacuba angekho mthethweni kunye noluhlu lwezinye izinto, eziquka amayeza (iipilisi ze-adcodol, uvavanyo lokukhulelwa lomgunyathi, amayeza angavumelekanga), izinto zokuthambisa (iikhrim ezikhanyisa ulusu), kunye nezinye iimveliso (iijeli zomgunyathi zokwandisa isondo) ziye zathinjwa yiSAHPRA. Uqikelelo lwazo zonke ezi zinto zixabisa ngaphezu kwezigidi ezihlanu zeerandi (R5 784 890),” sitshilo isithethi samapolisa uCol Priscilla Naidu.

Ukuthengiswa kweemveliso zomgunyathi ngabemi bamazwe angaphandle yingxaki eyandayo eMzantsi Afrika.

Iphulo iOperation Shanela liqhutywe ukusuka ngomhla weshumi elinesithandathu (16) ukuya kumhla wamashumi amabini anesibini (22) kweyeDwarha, kwaye lithe gqolo ukuvelisa iziphumo ezincumisayo eMpuma Koloni.

Ngokwengxelo inani labantu ababanjiweyo lilonke liyi-1299. Aba bantu babanjelwa izenzo zolwaphulo-mthetho ezahlukeneyo ezifana nokubulala, ukudlwengula, ukuba nezinto zomgunyathi ezingekho mthethweni, njalo njalo.

UMkomishinala wePhondo, uLieutenant General Nomthetheleli Mene, uqinisekile ukuba impumelelo efunyenwe ngephulo iOperation Shanela ngokuqinisekileyo yenza umahluko kwiindawo ezinolwaphulo-mthetho kwiphondo liphela.

“Izenzo zethu zibonakalise ukuba silwa ngamandla nolwaphulo-mthetho njengoko sithe gqolo ukubamba abaphuli-mthetho kwakunye nokuhlutha imipu esetyenziswa kulwaphulo-mthetho,” utshilo uLieutenant General Mene.

Iivenkile ezithe zagqogqwa zavalwa ngumasipala ombaxa waseBuffalo City ngenxa yokungathobeli. IMIFANEKISO: BCM.