UMalesela unethemba lokubetha iPirates

Umqeqeshi weChippa United uDan Malesela, uthi uqinisekile ukuba iqela lakhe lingakwazi ukubuya namanqaku xa lidlala ne-Orlando Pirates kumdlaolo wePSL ngokuhlwa ngoLwesithathu.

UDan ukuthethe oku emva kokuba iChippa ibambene neGolden Arrows ngeqanda macala kumdlalo ubudlalelwa eMonti emva kwemini ngoMgqibelo.

“Noko ndanelisekile, sibenelishwa nje ukungafaki magowuli. Asikwazi kufumana manqaku kule ndlela ziyiyo izinto ngoku, ndanelisekile ngumdlalo wanamhlanje. Asiyonto besiyifuna kodwa silifumene inqaku asibethwanga,” utshilo uMalesela.

“Kwisiqingatha sesibini besilifuna ngamandla igowuli, abadlali khange bakwazi ukunikana kakuhle ibhola bebengxamile.”

Mayelana nomdlalo ozayo we-Orlando Pirates uMalesela uthi ubonile ukuba abadlali bakhe bayakwazi ukuwenza amathuba , kwaye bayakwazi ukufaka uxinizelelo kwamanye amaqela. “Ngokucacileyo iPirates izakudlala umdlalo ovulekileyo, kwaye siza- kuzifumana iziphumo.”

UJoseph Malongoane ebedlala ngokuzimisela kakhulu ecabangeni njengesiqhelo, kodwa iibhola zakhe khange bakwazi ukuzigqibezela abadlali abafana noDavid Zulu, kunye noXola Mlambo phambili. Umqeqeshi we-Arrows uClinton Larson uthi imeko abebedlalela phantsi kwayo abadlali bakhe khange bakwazi ukuyiqhela.

“Sidlale kakuhle kakhulu ingakumbi ngasemva, kodwa besisilela kwicabanga lasekhohlo kuba uMalongoane ebebanika ixesha elinzima abadlali,” utshilo uLarsen.

UMalesela uthi uqinisekile ukuba iChippa izakuphela le sizini ihleli kumaqela asibhozo okuqala.

“Xa sikwazi ukwenza amathuba ngolu hlobo, kwaye ziwafake uxinizelelo amanye amaqela, loo nto ithetha ukuba ikhona into esiyenza kakuhle,” uvale ngokutsho uMalesela.