UMasangwana uziphindezee kuLuzipho!

Yintshatsheli kwakhona uAphiwe Masangwana emva kokuba
ebethe uSimthembile Luzipho kumlo wentshinga yeMpuma Koloni obuseKomani Indoor
Sports Centre kwiCawe ephelileyo. Ibikokwesibini engquzulana la matyendyana.
Kumlo wokuqala obukwiinyanga ezine ezidlulileyo e-Orient Theatre, uLuzipho
waphuma etshaya. Umququzeleli wetumente uMnu. Kwezi Booi uthi ibe yimpumelelo
kakhulu itumente. “Ibe yimpumelelo kakhulu itumente.
Iimbethi manqindi beziyilungele imilo kwaye azibaphoxanga abalandeli, zilwe
kakhuhle,” utshilo uBooi.

UBooi ithi bafunde lukhulu kumagingxigingxi ababenawo
phambi kwetumente.
“Kubekho amagingxigingxi
ekuqaleni, kodwa sifunde lukhulu kuwo onke. Konke okwenzeke kule tumente kuza kusinceda
sikhule msinyane,” utshilo uBooi. 
OkaBooi uthi baza kuphinda basingathe enye itumente
ungaphelanga lo nyaka. “Sincwase ukuphinda sibenenye itumente phambi kokuba
uphele lo nyaka. Sesiwaqalile amalungiselelo ayo, kodwa sakuzikhupha iinkcukacha
ezipheleleyo kungekudala,” utshilo uBooi.

Enzinye iziphumo zetumente: Aphelele Nkila udlale
ngokulingana noXolani Zindlo. UThobela Breakfast ubethe uSiphe Mxoli
ngamanqaku. USabelo Nkosi naye uwuphumelele umlo wakhe ebetha ngamanqaku uLuvuyo
Mbombo.
ULwandile Ngxeke umlalise ngophotho
kumjikelo wesibini uSipho Ntshiliza. ULusizo Manzana unabise u-Enathi Stele
kumjikelo wokuqala. UThandolwethu Nkwenteni unqandelwe ngusompempe ebethwa
nguPhumelela Cafu kumjikelo wesibini. ULuvuyo Mputi umthethe qwaka qwaka kumjikelo
wokuqala uSikhokelo Tuso. 
Kwezinye iindaba zamanqindi uZolani Tete uza kungquzulana
noNonito Donaire kumdlalo owandulela owamagqibela kankqoyi weWorld Boxing Super
Series. UDonaire ubethe uRyan Burnett wanikezela kumjikelo wesini.