UMathoho uthi iyingozi iPolokwane City!

Umdlali wasemva kwiKaizer Chiefs, uEric Mathoho, uthi kufuneka iqela lakhe liyilumkele iPolokwane City emdlalweni wangempelaveki.

Umdlali wasemva kwiKaizer Chiefs, uErick “Tower” Mathoho, ubona ngathi kukhona okunokwenziwa liqela lakhe njengokuba lihleli phezulu kwiAbsa Premiership.

UMathoho uchithe ithuba elide engadlali ngenxa yokonzakala kwisizini edlulileyo abukele kuyo oogxa bakhe besoyiswa kukuphumelela imidlalo ebangele iChiefs iphoswe yiTop 8.

Wothuse abantu abaninzi uTower ngokuvula isizini ngegiya ephezulu into emncede wabizelwa kwiqela lesizwe nangona esadlale imidlalo emine kuphela.

Njengokuba iChiefs iyiqale kakuhle isizini, uMathoho sele efake amagowuli amabini emidlalweni emine.

Amakhosi abethwa ngumoya encochoyini yePSL ngamanqaku alishumi kwaye ayikaphulukani nawo namnye umdlalo kwisizini ka2019/20.

“Akekho umdlalo oza kuba lula, leyo into siyayazi. Kufanele sibeke iingqondo zethu emidlalweni ngamaxesha onke.

Siyiqale kakuhle isizini kodwa asinokuthi sesigqibile kuba asikenzi kwanto. Yimidlalo emine kuphela esisayidlalileyo.

Into efunekayo ngoku kukuba sizinzise iingqondo zethu ukuze senze umsebenzi wethu kakuhle,” utshilo uMathoho.

Ukuhlala kweChiefs akakuboni njengento eyingxaki uMathoho kwaye uthi abadlali bazimisele ukuwabilela amanqaku apheleleyo emidlalweni.

“Akukho xinizelelo ekuhlaleni kwethu phezulu kwiPSL. Yinto entle ukuhlala phezulu kweChiefs.

Lo nto ithetha ukuthi yonke imidlalo iza kuba nzima. Asiboni ngxaki ke kulo nto siyiChiefs.

Asifuni ukudlala namaqela ekuza kuba lula ukuwabetha ngoba sifuna ukuwabilela amanqaku,” utshilo uMathoho.

Abadlali beChiefs abafana noLebogang Manyama nonozinti uItumeleng Khune abebenzakele baphilile nangona uKhune engekadlali kule sizini.

Amakhosi aza kwamkela iPolokwane City emdlalweni weAbsa Premiership eFNB Stadium, ngoMgqibelo ngo18:00.

Ngumdlalo oza kuba nzima kwiChiefs ngoba iPolokwane ayivuzi magowuli kule sizini.

“Umdlalo uza kuba nzima xa ujonga indlela edlala ngayo iPolokwane. Alisekho iqela elincinci kwiPSL kwaye kungenzeka nantoni na.

Kodwa ngumdlalo esiwujonge ngamehlo abomvu emva kweeveki ezimbini singasadlali,” utshilo uMathoho.