UMcCarthy oqhogene noHoboyi ubangula italente ezilalini zakuTsolo

UFabian McCarthy ngethuba esesikolweni sakuTsolo apho bekuphehlelelwa khona inkqubo yophuhliso. Umfanekiso: Uthunyelwe

Uphuhliso lwebhola ekhatywayo luza kuthatha olunye unyawo kwiilali zakuTsolo ephantsi komasipala waseMhlontlo. Oku kulandela isivumelwano soqhogwano esiphakathi kweMxolisi Hoboyi Foundation (iqumrhu elinceda uluntu lwasezilalini) noFabian McCarthy kwiveki ephelileyo. UMnu. Mxolisi Hoboyi, oyintloko yeHoboyi Foundation, litshantliziyo lobulungisa elinethemba lokuguqula imeko yabantwana basezilalini ngemidlalo. Ngokusebenzisana nomntu ofana noMcCarthy, unethemba lokubona abadlali abasakhulayo besisiwa kwiindawo ezinokuqinisa izakhono zabo zokudlala ibhola bade bafumane namathuba okudlala kwinqanaba eliphezulu. Umdla weHoboyi Foundation awuphelelanga kwibhola ekhatywayo, ikhona nakuphihliso lwebhola yomnyazi nekuthiwa yiSoftball.

Ethetha ngethuba kuphelelwa inkqubo entsha yophuhliso kwindabano ebikuTsolo, uMnu. Hoboyi uthethe wenjenje kumajelo eendaba: “Mna zange ndifunde ezikolweni ezisemgangathweni ophezulu – kodwa umnqweno wam kukukhuthaza abantwana bezikolo ezisezilalini. Intsebenziswano yam noFabian McCarthy ibalulekile ngoba ijolise ekuqeqesheni abantwana abafunda ezikolweni zakuTsolo kabini ngenyanga. Sinethemba lokuba uza kuthatha nokuba ngumfundi omnye okunganani ayokufumana uqeqesho olusemgangathweni kumaziko ophuhliso eGoli.” UMcCarthy ligqala lomdlali webhola ekhatywayo elizibalule ebholeni kumaqela afana neBloemfontein Celtic, kwiKaizer Chiefs edlalelwa nangunyana wakhe ngoku nakwiqela lesizwe.

Ubukho bukaMcCarthy, kwindawo efana noTsolo ekwiphondo laseMpuma Koloni elisahamba emva kwicala lophuhliso lwebhola ekhatywayo, yinto ebaluleke kakhulu futhi eza kufunqula umdla wabantwana kwezemidlalo. “Andikhange ndithandabuze xa uMnu. Hoboyi endicela ukuba ndize kuTsolo,” utshilo uMcCarthy. “Nam ndizalwa kwindawo engekho bhetele kwiphondo laseMntla Ntshona. Ndiyathembisa, ndiza kuchonga abadlali abaza kufumana uqeqesho kumaqela afana neKaizer Chiefs,” utshilo uMcCarthy ekhuthaza abantwana bezikolo abadlala ibhola ekhatywayo. Omnye wabafundi eMcheni abadlala ibhola, uSiphelele Ntweni (15), uthe uyakuvuyela ukufika komntu ofana noMcCarthy kwaye unethemba lokufezekiswa kwephupha lakhe lokudlala ibhola kwinqanaba eliphezulu.