UMolefi Ntseki unikwe uxanduva lokuphatha iChiefs Development Academy!

Namhlanje usihlalo weKaizer Chiefs, uKaizer Motaung, wamkelwe uMolefi Ntseki njengentloko yeYouth Development Academy.

Ezingena ngokuhlwa kwanamhlanje zithi iKaizer Chiefs ibhengeze igama likaMnu. uMolefi Ntseki ngengendoda eza kuba yintloko yeYouth Development Academy. OkaNtseki utyikitye isivumelwano sengqesho seminyaka emithathu yonke neChiefs. Ukuqeshwa kukaNtseki kuza emva kwamahum-hum abethe ndiii kwiveki ephelileyo athi uza kuba ngumncedisi kaStuart Baxter ekuthiwa uza kungena endaweni kaGavin Hunt – ogxothwe kwiveki ephelileyo emva kokuba iChiefs ibethwe yiBlack Leopards ngo’2-1 esemsileni weDStv Premiership nangona (iChiefs) ibiqale yakhokela ngegowuli. Iinguqu ezenziwa ngabaphathi beChiefs ngamalungiselelo wesizini ezayo emva kokuba iqhube kakubi kule sizini esongwa ngempelaveki.

“Sivuyiswa kukufika kukaMolefi Ntseki apha kwiKaizer Chiefs. Ufika ngexesha elilungileyo ngoba sizama ukwenza iinguqu ezinyanzelekileyo. Sicinga ukuba siqeshe umntu ofanelekileyo ngoba uzihambe zonke izigaba zebhola; ukusukela esikolweni, kwiinkqubo zophuhliso nakumaqela wesizwe,” utshilo uKaizer Motaung.

Sekulithuba elide iChiefs izingela umntu onokuphatha inkqubo yophuhliso equka amaqela wayo wabadlali abasakhulayo nelidlala kwiMultiChoice Diski Challenge. UMnu. Ntseki, 51, uyaziwa jiekelele ebholeni yaseMzantsi. Kutshanje uchithwe yiSafa njengomqeqeshi waBafana Bafana emva kokungakwazi ukuya kwi-Afcon ezayo. Kulindeleke asebenzisane nomqeqeshi ozayo futhi ibe nguye okhangela abadlali abanokudlalela iChiefs ngokokutsho kukaMotaung.

“Sizimisele ukwenza umsebenzi obonakalayo kwiinkqubo zethu zonke zophuhliso. Asizimiselanga ukuphulukana nabadlali abaveliswe yinkqubo yethu yophuhliso. Abaqeqeshi bethu bamaqela amancinci benza umsebenzi omhle kakhulu kwaye sifuna ukuyibona iqhubela phambili lo nto. Sifuna ukubona abadlali abasakhulayo benyuselwa kwiqela elikhulu ukuze indlela edlala ngayo iChiefs ingaguquki. Umfanele lo msebenzi uNtseki ngoba uyazi kakuhle ibhola yale mihla. Sinethemba lokuba uza kusebenzisana nabo bonke abaqeqeshi ukuze iqela libuyele kwindawo yalo ebholeni yaseMzantsi Afrika nakwi-Afrika yonke,” utshilo uMotaung, ongakhange ayiphathe ekaStuart Baxter – osenokubhengezwa njengomqeqeshi weChiefs ingaphelanga le veki.