UMongameli weCricket South Africa ubeke phantsi ngokusesikweni namhlanje

Chris Nenzani CSA President during the CSA World Cup Team Announcement on the 18 April 2019 at Supersport Studios, Randburg Pic Sydney Mahlangu/ BackpagePix

Ziyathontelana
iingxaki zeqakamba emva kokuba namhlanje iCricket South Africa yazise ukulahla
kukaMnu. Chris Nenzani kwisikhundla sokongamela. UNenzani ebephantsi
koxinizelelo kakhulu ngenxa yezikhalo zamatshantliziyo azabalazela iinguqu ezicothayo
eqakambeni. Enye yezinto ezibangele isikhokelo sakhe singaginywa ncam ngabantu
beqakamba ngumba kaThabang Moroe – ingqonyela yeCricket South Africa,
eyanqunyanyiswayo emva kokutyholwa ngokungaphathi izimali zombutho ngendlela
elungileyo. Umba kaMoroe awukasombululeki nangani ixesha lophando sele lagqitha
kudala. “UMnumzana uChris Nenzani ubeke phantsi njengoMongameli weCSA nanjengosihlalo
wesigqeba esiphethe umbutho weqakamba ukusukela ngomhla we-15 kweyeThupha 2020,”
itshilo ingxelo ekhutshwe yiCSA.

UMnu.
Nenzani waqala ukuxhuzula imikhala kwiCricket South Africa ngo-2013. Uncedisile
kakhulu kwiinzame zokuphucula umdlalo weqakamba ezenziweyo kuquka nomba
weenguqu nokunikwa kwabadlali abamnyama amathuba okudlala. “Egameni lesigqeba
esikhokela umbutho weqakamba, sithi enkosi kuMnu Nenzani owenze igalelo
elibonakalayo. Sitsho simnqwenelela okuhle kodwa kwikamva lakhe,” itshilo
ingxelo ekhutshwe yiCSA. Kulindeleke kungene usihlalo noMongameli omtsha emva
kwentlanganiso ebekelwe umhla wesihlanu kwinyanga ezayo. Kutshanje, iqakamba
yaseMzantsi Afrika ibisematheni emva kwesikhalo esenziwe ngabadlali abamnyama
bakudala ababalise impathombi yabo besengabadlali kumaqela eqakamba aseMzantsi
Afrika nakwiqela lesizwe.