UMpengesi uchaza okubangela athengise abadlali beChippa United

UMnumzana uSiviwe Mpengesi ngumnikazi weChippa United. Umfanekiso: Pedro Mapelo

Rhoqo xa kuqala isizini, iChippa United isoloko iqala phantsi ngenxa yokuba ithengisa abadlali. Emva kokuba iChippa United ibethe iKaizer Chiefs ngamagowuli amabini eqandeni, uMnu. Siviwe Mpengesi, ucacisile ukuba kutheni iqela lakhe libathengisa abadlali xa befunwa ngamanye amaqela. Uthi akanangxaki nabadlali abathengwayo ngoba baninzi abakhoyo abalinde ithuba lokudlala kwinqanaba eliphezulu lebhola ekhatywayo kwaye ukulungele nanini na ukusabela xa kukho iqela elinkqonkqozayo.

“IChippa United ayikwazi ukuma endleleni yomdlali xa kukho apho afunwa khona. Thina sicinga ukuba xa kuhamba umdlalo, kuvuleka ithuba lomnye umdlali. Sifuna ukubona abadlali abatsha befumana amathuba okudlala ibhola ekatywayo kwinqanaba eliphezulu,” utshilo uMpengesi emva koko wacacisa ngeyona njongo ephambili yokuba neqela lebhola ekhatywayo eMpuma koloni. “Andiqondi ukuba iChippa liqela elifuna ukuphumelela indebe. Sifuna ukugcina indawo yethu kwiDStv Premiership kuphela.

“Okubalulekileyo kuthi kakhulu kukusondeza imidlalo yamaqela aphezulu kufutshane ebantwini. Umzekelo namahlanje, abantu abagcwalise ibala ngabalandeli beKaizer Chiefs. Ukufumana amanqaku amathathu sidlala neChiefs yibhonasi kuthi. Besingasoze sikhathazeke nokuba besibethiwe ngoba sivuyiswa kukubona abantu bonwabele umdlalo abawuthandayo,” utshilo uMpengesi oye wanyanzeleka ukuba acenge abaphathi beNelson Mandela Bay Metro ukuze umdlalo uze eMonti ngenxa yesivumelwano abanaso.

Iindleko eziphezulu zokuphatha iqela elidlala kwiPremier Soccer League sesinye sezizathu ezibangela ukuba athengise abadlali rhoqo xa kuphela isizini. Okunye kukuba iqela lakhe alidlaleli ukuphumelela iindebe. “Kodwa ke mhlawumbi iinjongo zethu ziza kuguquka kwiminyaka ezayo. Ukuba neqela elifana neChippa kutyabula kakhulu epokothweni. Sithengisa abadlali sinenjongo yokunceda iqela ukuze lomelele. Yilo nto esinyanzelayo ukuba siqinisekisa ukuba sivelela onke amacala,” uvale ngaloo mazwi uMpengesi obechulumancile.