Umqeqeshi weBrazil uhlomla ngokwenzeke emdlalweni wayizolo

Breel Embolo (R) of Switzerland and Philippe Coutinho of Brazil vie for the ball during the FIFA World Cup 2018 group E preliminary round soccer match between Brazil and Switzerland in Rostov-On-Don, Russia, 17 June 2018. By: SHAWN THEW / EPA

Indebe yehlabathi
yalo nyaka inomahluko kunezinye. Amazwe amakhulu ekujongwe kuwo kakhulu ngabantu
asokole kwimidlalo yawo yokuqala. Lo nto inokuwabeka emngciphekweni ukuba
izinto aziguquki kwimidlalo elandelayo. NgoLwesihlanu weveki ephelileyo, iSpain
sibanjwe yiPortugal ngo’3-3, i-Argentina
ibanjwe ngobhongwane yi-Icelannd kumdlalo ophele ngo’1-1, iintshatsheli
ezikhuselayo (iGermany) yothuswe yiMexico ngo’1-0 kumdlalo obutshisa bhe –
kanti yona iBrazil isokoliswe yiSwitzerland kumdlalo obunzima ophele ngo’1-1. Zingene
izixhiliphithi zaseBrazil zikhokelwa nguNeymar. Njengelizwe eliphumelele indebe
yehlabathi izihlandlo esihlanu – iBrazil ingene ebaleni inoxinizelelo kuba
kulindelwe ukuba iyibethe lula iSwitzerland. Akubanganjalo nakubeni iBrazil
idlale umdlalo ongcono kune Switzerland.

Image may contain: 3 people, people playing sports and outdoor

Iqhube
kakuhle iBrazil kwisigaba sokuqala somdlalo. Abadlali bayo bakwazile
ukuyiqhekeza iSwitzerland ebithe finini emva. Kumzuzu wamashumi amabini
uPhilipe Coutinho uzibonakalisile ukuba ungumdlali ophokeleyo ngokufaka igowuli
ekude. Kuyiwe kwixesha lokuphumla iSwitzerland ifuthela emagxeni weBrazil – kodwa
khange ikwazi ukubhalisa ebhodini. Izinto zijikile kwisigaba sesibini somdlalo.
Abadlali beSwitzerland bayibeke phantsi koxinizelelo iBrazil yade yavula.
Igowuli lokulinganisa lamaSwiss ifakwe nguStephen Zuber – ongqube ibhola
ngentloko eyedwa – kodwa emva kokubonakala etyala umdlali weBrazil wasemva uMiranda.

Image may contain: 2 people, people playing sports and outdoor

Umqeqeshi weBrazil,
uTite, akayithandanga into eyenzeke kuMiranda kwaye ucinga ukuba usompempe
wenze impazamo. “Into eyenzeke kuMiranda icacile. Singaxoxa ngepenela esingayinikwanga
– kodwa yona le kaMiranda icacile. UMiranda uthe utshoviwe. Ndithe kuye
kulungile ngoku angawanga wanga ngoba ibiza kubonakala ngolunye uhlobo
ebantwini,” utshilo uTite.

Kumdlalo wayizolo,
iSwitzerland ibonisile ukuba akukho lizwe eliza kunyathela phezu kwayo nangona
ingakwazanga ukudala amathuba acacileyo emdlalweni ngaphezulu kweBrazil.

 

BRAZIL: Allisson, Thiago Sliva, Miranda,
Casemiro, Gabriel Jesus, Neymar, Philippe Coutinho, Marcelo, Danilo, Paulinho,
Willian.

SWITZERLAND: Yann Sommer, Stephan Lichtsteiner, Manuel
Akanji, Haris Seferovic, Granit Xhaka, Valon Behrami, Ricardo Rodriguez, Steven
Zuber,  Blerim Dzemaili, Fabian Schaer,
Xherdan Shaqiri.