Luchulumanco lodwa eMexixo emva kokubetha AmaJamani

Igowuli elifakwe nguHirving Lozano kwisigaba sokuqala somdlalo sincede iMexico ebethe iGermani ngo'1-0 kumdlalo wehlabathi eMoscow namhlanje. Umfanekiso: Fifa Facebook

Ukhuphiswano
phakathi kweMexico neGermany luqale kusaculwa imihobe yesizwe phambi komdlalo – kodwa ekugqibeleni, ngabalandeli beMexico abavuyayo emva kokuba ilizwe labo libethe iintshatsheli
zehlabathi ezikhuselayo. Emva kwamashumi alithoba womdlalo osemgangathweni
ophezulu – iMexico iphumelele ngegowuli elinye eqandeni (1-0) kumdlalo wendebe
yehlabathi kaGroup F odlalelwe eLuzhniki Stadium ngale ntlwa yanamahlanje. Umdlali
ohlaselayo, uHirving Lozano, nguye ofake igowuli lempumelelo kwisigaba sokuqala
somdlalo. ULozano ufumene ibhola ethe gqi ekunene; ubethe indoda ebiphambi
kwake phambi kokutsala imbumbulu yebhola eshiye uManuel Neuer ethe natya
phantsi.

Iintshatsheli
zehlabathi zika-2014, iGermany, zikhubekile apho zikhoyo emva kokujula yonke
into ebeziyiphethe kwiMexico egoloze kwade kwase kugqibeleni. AmaJamani akhokelwe nguThomas
Mueller noMesut Oezil esiswini bencediswa nguToni Kroos noTimo Werner – kodwa bazame
bancama namhlanje. Abadlali beGermany ababethwanga emdlalweni kuba bebeyekelele
– iMexico idlale kakuhle kwelayo icala. Isebenzise kakhulu abadlali bayo
abanamendu logama yakhe udonga oluqinileyo emva.

Ngoku
iMexico ihleli phezulu kuGroup F. Iya kudlalo neSouth Korea umdlaloo
olandelayo kwiveki ezayo ngoMgqibelo. Yona iGermany kunyanzelekile ibethe
iSweden ngeCawe ezayo ukuze ikwazi ukuzityhilela indlela eya kumjikelo
olandelayo kwi-2018 FIFA World Cup.

GERMANY: Manuel Neuer, Marvin Plattenhardt, Mats
Hummels, Sami Khedira, Julian Draxler, Toni Kroos, Timo Werner, Mesut Oezil,
Thomas Mueller, Jerome Boateng, JoshuaKimmich.

MEXICO: Guilermo Ochoa, Hugo Ayala, Carlos Salcedo,
Miguel Layun, Carlos Vela, Javier Hernandez, Hector Moreno, Hector Herrera,
Andres Guardado,Hirving Lozano, Jesus Gallardo.