UKolarov uyibeke encochoyini iSerbia kuGroup E

ISerbia isendaweni entle kuGroup E emva kokuba ibethe iCosta Rica ngo'1-0. Umfanekiso: 2018 FIFA World Facebook

Ihleli phezulu
iSerbia kuGroup E emva kokuphumelela umdlalo wayo wokuqala kwindebe yehlabathi
yebhola ekhatywayo ebanjelwe eRussia. Kumdlalo obutaka iintlantsi eSarama
Stadium, iSerbia ibethe iCosta Rica ngo’1-0. Igowuli lempumelelo leSerbia lize
nesiququ sikaKapteni, u-Aleksandar Kolarov, kumzuzu wamashumi amahlanu
anesihlanu emva kokukhaba ibhola entle ebibekwe phantsi ngaphaya komhlaba
kanozinti.

Ukusukela ekuqaleni
komdlalo, iSerbia yiyo ebonakalise ukunxanelwa impumelelo. Ihlasele zisuka emdlalweni
kwaye kwaye idale namathuba aliqela nakubeni ingakwazanga ukuwasebenzisa.
Abadlali basemva beCosta Rica abafana Giancarlo Gonzalez, uJohnny Acosta no –Oscar
Duarte kuye kwanyanzeleka ukuba bahlale emva ngoba iifolosi zeSerbia bezifuna
intw’ ibilapha. Kuyiwe kwixesha lokuphumla kungekho gowuli ebhodini.

Izinto zijikile
kwisigaba sesibini somdlalo emva kwebhola efakwe nguKolarov. Khange iphozise
maseko iSerbia emva koko – kodwa uAleksandar Mitrovic akwazanga ukusebenzisa
ithuba elihle ephambi kwepali. Unozinti weCosta Rica, uKeylor Navas, wenze
umsebenzi omhle ezipalini izihlandlo eziliqela. Abadlali abafana neCristian
Gamboa noDavid Guzman bazamile ukuhlasela – kodwa ibivalile iSerbia mba. Ifumene
amanqaku amathathu iSerbia kufanelekile emva kokudlala ngcono emdlalweni.

COSTA RICA: Keylor Navas, Johnny Acosta, Giancarlo
Gonzalez, Celso Borges, Oscar Duarte, Bryan Ruiz, Johan Venegas, Francisco
Calvo, Cristian Gamboa, David Guzman, Marcos Urena.

SERBIA: Vladimir Stojkovic, Dusko Tosic, Luka
Milivojevic, Branislav Ivanovic, Aleksandar Mitrovic, Dusan Tadic, Aleksandar
Kolarov, Nikola Milenkovic, Sergej Milinkovic-savic, Nemanja Matic, Adem
Ljajic.