Yamkelwe ngesibhaxu iPanama kwindebe yehlabathi

Roman Torres (C) of Panama clears the ball during the FIFA World Cup 2018 group G preliminary round soccer match between Belgium and Panama in Sochi, Russia, 18 June 2018. By: RONALD WITTEK / EPA

Ilizwe elitsha
kwindebe yehlabathi, iPanama, lamkelwe ngesibhaxu ngumdlali waseBelgium
oyingozi. URomelu Lukaku, odume ngokufaka amagowuli ngokungenambaliso,
ubhakuzelise umnatha amatyeli amabini kumdlalo ophunyelelwe yiBelgium ngo’3-0
omhle eFisht Stadium ngale ntlwa kwi-2018 FIFA World Cup ebanjelwe eRussia. Kuyiwe
kwixesha lokuphumla kungekho gowuli ebhodini emva kokuxhathisa kwayo iPanama. Nakubeni
ililizwe elitsha kwindebe yehlabathi futhi kungalindelekanga nto ingako – kodwa
iPanama idlale kakuhle kakhulu kwisigaba sokuqala somdlalo. Bekunzima nokufumana
ibhola kuLukaka

Izinto zijike
kwisigaba sesibini ngethuba iPanama iyeka abadlali beBelgium abayingozi bedlala
ibhola endaweni eyingozi. UDries Mertens ufake ibhola entle kumzuzu wesibini
kwisigaba sesibini umdlalo uqalile kwatshintsha yonke into emdlalweni. Emva
koko amandla wePanama aye ehla. ULukaku ufake amagowuli amabini emva koko abe zizikhonkwane
eziyitsho ayakwazi nokushukuma iPanama. Umdlalo weBelgium, ongancumisanga
kwisigaba sokuqala, uye watshintsha kwesesibini. Ngoku iBelgium ihleli phezulu
kuGroup G emva kokuqokelela amanqaku amathathu.

BelgiumCourtois,
Alderweireld, Vertonghen, Witsel (Chadli 90’), De Bruyne, Lukaku, Hazard,
Carrasco (Dembele 74’), Mertens (T. Hazard 83’), Meunier, Boyata.

PanamaPenedo, Murillo,
Escobar, Torres, Gomez, Perez (Tejada 73’), Barcenas (G. Torres 63’), Cooper, Davis, Godoy, Rodriguez
(Diaz 63’).