Baphawula ngevideo yezesondo!

URomeo noBasetsana Kumalo Umfanekiso: Instagram

URomeo
noBasetsana Khumalo sele bevule ityala lokuthotyiselwa isidima emva kokuthi ndi
kweengxelo kumakhasi wonxibelelwano zokuba kunevideo yezesondo kaRomeo nomnye
usaziwayo oyindoda.

Oku
kwavela emva kokuba umbhali weencwadi uJackie Phamatse ebhale kwikhasi lakhe
ukuba uve ingxoxo phakathi kowasetyhini okumabonakude ecenga esinye isihlobo
sakhe ukuba singayisasazi ivideo yakhe ezintyintye kotywala, nomyeni wakhe
esabelana ngesondo nosaziwayo oyindoda.

Abantu
bavele bacinga kuthethwa ngaba saziwayo abangoosomashishini.

Kwingxelo
abayikhuphileyo bathe bavule ityala kwaye bafaka  nesicelo sencwadi yesithintelo kwabanesandla
koku.

Uthe
bayathemba ukuba oku kuza kuthumela umyalezo ovakalayo kwabo baqhubeka nokusasaza
iinkcukacha ezibubuxoki ngabanye phambi kokufumana ubungqina nokucinga
ngobungozi boku.

“Umonakalo
owenzeke kuthi ngokomoya nangokomsebenzi asingewutsho. Ngaphezu koku oku kusasazwa
kwala marhe  konzakalise abantwana bethu
ngokwasemoyeni, nesihlala sizama ukuba bangabikho emehlweni oluntu.”

Bathi
bekunzima ukuthi cwaka kwiveki ephelileyo.

“Ukuthula
kwethu bekungachazi ukuba zinobunyani ezi ngxelo kodwa kuba besisothukile kwaye
siziva buhlungu malunga noku.”