UKane ukhala ngokungasetyenziswa kweVAR emdlalweni wayizolo

Naim Sliti (L) of Tunisia in action against Harry Kane (R) of England during the FIFA World Cup 2018 group G preliminary round soccer match between Tunisia and England in Volgograd, Russia, 18 June 2018. By: EPA/ATEF SAFADI

Abalandeli
bebhola bashiyeke bephoxekile zizigqibo ezithile kwindebe yehlabathi nangona
iFIFA isebenzisa iVAR encedisana noosompempe eRussia. Ayingabo bodwa. UKapteni
weNgilane, uHarry Kane, naye uthi uzigqibo ezithathwe ngusompempe emdlalweni
wayizolo, zimshiye ephoxekile. UKane ufake amagowuli amabini onke athe anceda
iNgilane ngethuba ibetha iTunisisa ngo’2-0 kumdlalo obutak’ iintlantsi
eVolgograd Arena Stadium izolo ebusuku.

UKane udlaliswe
kakubi ngabadlali beTunisia amatyeli aliqela – kodwa usompempe khange
ayisebenzise iVAR ebinokumbonisa ngokucacileyo okwenzekileyo. Ukuzokuthi ga
ngoku, ngamazwe amathathu axhamleyo kwizigqibo ezithathwe ngusompempe encediswa
yiVAR. UKane uxelele iintatheli emva komdlalo ukuba uphoxekile kwaye nepenela
enikwe iTunisia iyakrokrisa. Igowuli lokubika leTunisia lifakwe nguFerjani
Sassi.

“Zibe bundiphoxa
izigqibo ezithathwe emdlalweni. Ukuba ungaqwalasela, ipenela enikwe iTunisia
iyakrokrisa noko. Bendicinga ukuba iVAR ilungiselelwe ukulungisa izinto
ezinjalo. Kwelam icala bendingakwazi ukubaleka emdlalweni ngoba abadlali
beTunisia bebendithe nca. Siye sithembele koosompempe ngoba akukho nto
esinokuyenza singabadlali,” utshilo uKane.

Umdlalo weTunisia
uye waqina emva kokufumana igowuli lokulinganisa. Impazamo yayo ibe kukuphisa
ngekona esetyenziswe kakuhle ngamaNgesi ixesha lomdlalo sele uphela. UKane uthi
wanelisekile yindlela ilizwe lakhe eliqubisene ngayo nomdlalo wayizolo. “Ndizingomba
isifuba ngomsebenzi esiwenzileyo. Silwile futhi abalandeli bethu ekhaya
bonwabile kakhulu,” utshilo uKane.

TunisiaHassen
(Mustapha 16’), S. Ben Youssef, Meriah, F. Ben Youssef, Badri, Khazri (Khalifa
85’), Bronin, Maaloul, Sassi, Skhiri, Sliti (Ben Amor 73’).

EnglandPickford,
Walker, Stones, Maguire, Lingard (Dier 93’),
Henderson, Kane, Sterling
(Rashford 68’), Trippier, Young, Alli (Loftus-Cheek 80’).