UMthatha Bucks mawudlalele ukuya phezulu kule sizini

UMothupa Albert weBaroka noMzikayise Mpofana weBush Bucks kumdlalo weNFD eMthatha StadiumUmfanekiso: Phando Jikelo

Isiqalo sesizini entsha siza nethemba kubantu baseMthatha abalangazelela ibhola ekhatywayo ekwinqanaba eliphezulu emva kokubhanga koMthatha Bush Bucks wakudala.

Kwisithuba seeveki ezimbini ezidlulileyo kuvulwe ngokusesikweni isizini entsha yeNational First Division. Linye iqela laseMpuma Koloni elidlala kweli nqanaba – nguMthatha Bucks. Le yisizini yawo yesithathu udlala kwiNFD. Kwisizini yokuqala Amathol’amnyama asinda ezembeni kanti kule idlulileyo, abambe indawo ebhetele kakhulu.

Eli qela laseMthatha liyiqale kakuhle nale isizini ngokudlala ntanganye ngo’1-1 nePretoria University kumdlalo wokuvula. Kwiveki ephelileyo, uMthatha Bucks uzuze amanqaku amathathu emva kokubetha iTshakume Tsha Madzivhandila ngo’2-0 kumdlalo obuseMthatha Stadium.

Loo mpumelelo ibonisa kakuhle ukuzithemba kweqela lilonke namandla elinawo kule sizini intsha. Umqeqeshi weBucks, * -Iran Palmer, yindoda enamava ebholeni kwibhola ekhatywayo kwaye ekwaziyo ukuqeqesha. Nangona efike isizini ka-2016/17 seyigabhule nje – kodwa ubukho bakhe buwenzile umahluko.

Okuhle ke ngabaphathi bakhe uPalmer kukuba bazamile ukumthengela abadlali abanokuthi balithathe iqela balibeke endaweni entle ekupheleni kwesizini. Balishumi elinesixhenxe bonke abadlali abatyikitywe yiBucks kwaye baquka abadlali abathile abanamava okudlala kwiPSL. Kuzo zombini iisizini ezidlulileyo Amathol’amnyama ebedlala umdlalo oncomekayo – kodwa bezimbini izinto eziyingxaki kuwo. Eyokuqala ibikukungabikho komdlali ofaka amagowuli ngokuthembeka. Okwesibini, kukuvulela amagowuli emdlalweni kwimizuzu yokugqibela emdlalweni.

Ukudlala kwiNFD kunzima – kodwa lifikile ixesha lokunyuka koMthatha Bucks ngaphandle kokuba ufikelwe kukufeketha kwakhona. Amathol’amnyama ayaxhaswa ngabantu eMthatha nangaphandle kwephondo, ulawulo lweqela luzinzile kanti norhulumente uyawaxhasa.

Ukuba ayikwazi iBucks ukubamba indawo yokuqala, okungenani ngungangcono ukuba ingaphakathi kwamaqela amathathu aphambili kwiNFD.

Kungakuhle ukuba iChippa United inganeqela lesibini kweli phondo elidlala kwi-Absa Premier Soccer League.