Umtshini wamagowuli ufikile kwiJuventus

UCristiano Ronaldo obekade edlalela iReal Madrid ugalelekile kwiJuventus.

Ukuba izinto zingahamba ngendlela athethe ngayo, abalandeli bebhola kwilizwe laseItaly mabalindele izinto ezibhetele.

URonaldo uthengwe yiJuventus kwiveki ephelileyo ngemali engaphaya kwebhiliyoni ngokwemali yoMzantsi Afrika.

Ngokweengxelo eziphume eMadrid, lo mdlali zange abone ngasonye nomongameli weReal Madrid ngemiba eyoyamene nemali. Ekuqaleni kwale veki, uCR7 ugalelekile kwiJuventus – apho amkelwe ngezandla ezishushu.

URonaldo (33) uthe uyalibulela ithuba alinikiweyo yiJuventus watsho esithi abadlali abaninzi abakule minyaka akuyo – baphelela eChina naseQatar.

“Ndingatsho ukuba iJuventus lelinye lamaqela aphambili kwihlabathi. Ukuza apha kwam yinto endiyicingileyo kakuhle – kodwa ndingatsho ukuba ibisisigqibo esilula kakhulu kum ukuba kwiqela elikhulu eItaly. Eli linyathelo elibalulekileyo kakhulu kwikhono lam. Ndiyalibulela kakhulu ithuba endilinikwa yiJuventus. Ndiyavuya ngoba yiyo endifunileyo kwaye ndinethemba lokuyithatha ndiyibeke endaweni ephezulu. Andizanga zokudlala apha; ndifuna ukushiya umzila,” utshilo uRonaldo kwikhasi lomnatha, uTwitter.

URonaldo ebeyinxalenye yeqela lesizwe lasePortugal ekhutshwe yiUruguay kwiNdebe yeHlabathi ebi banjelwe eRussia kutshanje.

Nakubeni iinzame zingakwazanga ukunceda iPortugal – kodwa indebe yehlabathi ivalwe ephakathi kwabadlali abafake amagowuli amaninzi. Ukuba izinto zimhambele kakuhle, iJuventus ingenza izimanga kwiChampions League ngoba uRonaldo uyafana nje nomtshini okhupha amagowuli.

Ushiya efake amagowuli angaphaya kwamakhulu amane, iindebe ezimbini zeLa Liga nezine zeChampions League.

Kanti wenza indima ebonakalayo kwimpumelelo eyazuzwa yiPortugal kwiminyaka emibini edlulileyo kwindebe yaseYurophu.

URonaldo uthe zikhona izinto ezimnyanzele ukuba athathe isigqibo.

“Ndiphile qete. Yiyo lo nto ndiziqhenya ngokuba lapha. Mna andifani nabanye abadlali abacinga ukuba kuphelile ngabo xa befika kwiminyaka endikuyo. Ubukho bam apha buyandikhuthaza kakhulu kwaye ndifuna impumelelo,” utshilo uRonaldo.