UMyeni unethemba lendebe yeMTN8

USifiso Myeni, umdlali weBidvest Wits. Umfanekiso: BackpagePix

Kule impelaveki, ayaphela amaphupha! Kaloku abathandi bebhola elukhulu balindele umdlalo omkhulu wamagqibela kankqoyi weMTN 8 ophakathi koomakad’ezondana: iBidvest Wits neMamelodi Sundowns ozakudlalwa ngentsimbi yesihlanu ngoMgqibelo emalanga eMbombela Stadium.

Omabini la maqela ayinxanelwe kakubi impumelelo, ngakumbi iWits, ngoba yagqibela ukufumana indebe ngo’2010 – unyaka eyaphumelela ngawo iNedbank Cup, eFNB Stadium, eNasrec.

Umdlali-siswini ofikayo kwiWits nangona wakhulela kuyo nje, uSifiso Myeni, uthi iingqondo zabo – bengabadlali – bazimilisele kulo mdlalo ujongwe ngamehlo abomvu ngabandeli bebhola eMzantsi Afrika.

UMyeni, 28, ubuyele kwiWits emva kokuchithwa yi-Orlando Pirates ahleli kuyo iminyaka emine yonke – ngoku unethemba lokuphumelela indebe le sizini isaqala.

Le ndedeba yakwaMyeni yayisedyongo ukuqala kwayo ukuphakamisa indebe kwiBidvest Wts eyayiqeqeshwa nguRoger de Sa no-Eric Tinkler kwiminyaka esukela isithandathu.

Ethetha kwikhasi lomnatha leWits, uMyeni, uthe: “Sineqela elihle kakhulu kwaye wonke umntu ukulungele ukudlala. Eli qela lagqibela ukufumana indebe ngeNedbank Cup ngo’’2010. Ndandikhona ngoko, nangoku ndiyakuvuyela ukuba yinxalenye yeMTN8. Kufuneka sidlale ngokuzimisela. Into yokubetha iKaizer Chiefs nePirates yadlula kudala. Sisebenze nzima ukuze sifikelele kule ndawo sikuyo ngoku – yilo nto ekufuneka siyenze kwakhona ngoMgqibelo.”

UGavin Hunt lithuba lakhe eli lokufumana indebe yokuqala ukusukela oko wabangumqeqeshi kwiWits.