UMzantsi Afrika ubethe iYiphutha kwiMandela Challenge!

UMzantsi Afrika ubethe iYiphutha ngo'1-0 kumdlalo weNelson Mandela Challenge e-Orlando Stadium Umfanekiso: BackpagePix

Igowuli elifakwe ngumdlali-siswini, uMpho Makola, lincede uMzantsi Afrika ngethuba ubetha ilizwe lase-Egypt ngo’1-0 kumdlalo weNelson Mandela Challenge obubanjelwe e-Orlando Stadium ebusuku namhlanje.

Kulo mdlalo uShakes Mashaba wenze iinguqu ezimbini: uqale ngoClayton Daniels emva noMandla Masango esiswini okanye ephukweni lasekunene.

Lo nto imsebenzele umqeqeshi ngoba ababadlali bobabini babenawo umfuthi kakhulu kwindlela iBafana Bafana edlale ngayo namhlanje.

Abadlali beYiphutha ngabo abankqonkqoze kuqala kwimpondo zeBafana Bafana – kodwa ngethamsanqa bafike u-Itumeleng Khune ethe qwa.

Kwimizuzwana emva koko uMasango ugobe ibhola entle kufutshane nekona kwicala lasekunene – lobhola idibene nentloko kaMpho Makola oyivalele emnatheni ngomzuzu wesixhenxe kwisiqingatha sokuqala somdlalo.

UMzantsi Afrika uye kwixesha lokuphumla uhamba phambili.

Kwisigaba sesibini somdlalo AmaYiphutha awunyusile umxakatho futhi ikwangawo akwazileyo ukudala amathuba acaculeyo nangona engakwazanga ukuwasebenzisa.

UMashaba ukhuphe uThamsanqa Gabuza, waze endaweni yakhe wafaka uSibusiso Vilakazi – kanti yena uRamahlwe Mphahlele ungene endaweni ka-Abbubaker Mobara. Injongo yezonguqu ibikukuhlasela i-Egypt ngcono ngoba amandla kaGabuza ebesele ephantsi nokuqinisa amandla weBafana phaya emva.

UMzantsi Afrika ukwazile ukuyithintela iYuphutha ebekubonakala ukuba ifuna ukugqobhoza ukuze ifumane igowuli lokulinganisa.

South Africa: 16 Khune, 2 Mobara, 3 Langerman, 6 Daniels, 14 Hlatshwayo, 15 Jali, 5 Furman, 12 Makola, 7 Masango, 20 Dolly, 9 Gabuza.

Egypt: Shenawy, Gaber, Gabr, Dweidar, Abdel Shafy, Elneny, Salah, El Said, Trezeguet, Salah, Koka.