Uvele enkundleni odlwengule umzala wakhe

Ivele enkundleni yaseBhayi indoda ejongene nezityholo zokudlwengula umzala wayo, ongowasetyhini ekwa thandana  namanye amanina. UMncedi Ntengo (37)
waseNew Brighton ujongene
netyala lokuxhila adlwengule umzala wakhe onamashumi amabini anesixhenxe yeminyaka izihlandlo ezintathu ngoDisemba ka2014. 

Ingxelo evele enkundleni ithi uNtengo waxhilwa
ixhoba elinamashumi amabini anesixhenxe ubudala, walidlwengula izihlandlo
ezintathu ngoDisemba ka2014.
 Le nkundla ikwadize ukuba uNtengo wayalela lo wase tyhini ukuba ahambe naye,
bayokuthenga iziyobisi eziluhlobo lweMandrax. Ngethuba besendleleni
beyokuthenga, uNtengo wajika endleleni bangena kwityotyombe elikufutshane, apho
wafika wayidlwengula lentwazana. 

Nakwityeli lesibini uNtengo waphinda wamnyanzelisa ukuba bayokuthenga iziyobisi kwakhona, waphinda wamdlwengula kwakwelityotyombe. UNtengo uthi wamdlwengula
umzala wakhe kuba ecaphukela lento yokuba ethandana kwa nabasetyhini.