UMzantsi Afrika ufundise iMozambique ibhola ekhatywayo simahla

UGabriela Salgado woMzantsi Afrika emdlalweni obubanjelwe eFNB Stadiums. Umfanekiso: Sydney Mahlangu/BackpagePix

Iqela lesizwe lamantombazana adlala ibhola ekhatywayo, aBanyana Banyana, lisekhondweni elihle lokuzibekela indawo kwi-African Women Cup of Nations (Awcon) eza kudlalelwa eMorocco ekuthambekeni konyaka ozayo. Oku kulandela umsebenzi omhle owenziwe nguMzantsi Afrika ovuthulule iMozambique ngemvula yamagowuli amathandathu eqandeni (6-0) emdlalweni obubanjelwe eFNB Stadium ngoLwesibini wale veki. Kanti kwiveki ephelileyo, aBanyana Banyana babuyele ekhaya bencumile emva kokuba becambalalise iMozambique ngamagowuli asixhenxe eqandeni (7-0) emdlalweni wokuqala eMaputo. Lo nto ithetha ukuthi iqela likaDesiree Ellis liphumelele ngenkitha yamagowuli alishumi elinesithathu eliwafake emidlalweni emibini kuphela.

Ngumsebenzi oncomekayo kakhulu lo emva kokuba uMzantsi Afrika ungakwazanga ukukhusela indebe yeCosafa Cup kwitumente ebidlalela eGqeberha kwiphondo leMpuma Koloni ekuqaleni kwenyanga yeDwarha. Amagowuli abaphumelele ngawo aBanyana Banyana afakwe nguLinda Motlhalo (amabini), nguHildah Magaia (amabini), nguBambanani Mbane noSibulele Holweni. Umsebenzi ubekwe calanye kwa kwisigaba sokuqala ngabadlali bakaDesiree Ellis. Amatiletile enziwe yiMozambique kwisigaba sesibini akazalanga nto. Nakubeni abadlali bephinde bayihlaza iMozambique – kodwa umqeqeshi wabo khange oneliseke yindlela abadlale ngayo.

“Ndicinga ukuba sidlale umdlalo ongcono eMozambique kunalapha ekhaya. Indlela ebesinikelana ngayo ibhola ibingeyiyo indlela esiqhele ukudlala ngayo. Besifuna ibhola iqale emva, iye esiswini idlulele phambili ngendlela ebikekayo. Kwisigaba sesibini kuye kwanyanzeleka ukuba siyiguqule indlela esidlala ngayo satsho sakwazi ukudala amathuba amaninzi kodwa esingakwazanga ukuwasebenzisa,” utshulo umqeqeshi emva komdlalo. Abadlali babuyele emaqeleni abawadlalelayo ngokwahlukana kwawo – kodwa kulindeleke ukuba kuqalise amalungiselelo womdlalo olandelayo weqela lesizwe phambi kokuphela konyaka.