UMzantsi uzingela impindezelo eTokyo Stadium

URassie Erasmus noTendai Mtawarira ngethuba bethatha namajelo eendaba phambi komdlalo ophakathi koMzantsi Afrika neJapan.Umfanekiso: Andrew Cornaga

Kunyanzelekile AmaBhokobhoko awakhuphe onke amandla awo futhi aqinisekise ukuba ayaphumelela xa edibana nelinye lamazwe ayingozi ngoku embhoxweni, iJapan, emdlalweni weNdebe yeHlabathi oza kube useTokyo Stadium ngeCawe.

UMzantsi Afrika uthe dyulukudu kwisigaba sesibini setumente yehlabathi emva kokunqunqel’ egoqweni amazwe afana neCanada, AmaTaliyane (Italy) neNamibia emidlalweni edlulileyo.

Kodwa wona umdlalo wangempelaveki unomahluko ngokuba iJapan noMzantsi Afrika zikhe zantlithana emdlalweni wobuhlobo kutshanje.

Eyona nto esesisilonda ebantwini kukubethwa koMzantsi Afrika ngo’34-32 yiJapan kwiNdebe yeHlabathi ngo2015. Kungenxa yeso sizathu uMzantsi kufuneka uziphindezele kwiJapan.

Noxa ingeke yenzeke lula lo nto kodwa AmaBhokobhoko anabo abadlali abanokuyiphinda iJapan ayibethe ngo’47-7 emdlalweni wokucweya kwinyanga ephelileyo eKumagaya.

Kwiveki ephelileyo, iJapan ibethe iScotland ngo’28-21 emdlalweni obuseYokohama.

Lo nto ithetha ukuthi iJapan iza kudibana noMzantsi Afrika ikhuthazekile. Isekelamqeqeshi, uMzwandile Stick, uxelele iintatheli ekuqaleni kwale veki okokuba iqela lakhe kufuneka lizame indlela yokukhonkxa abadlali ababini abanesantya esiphezulu kakhulu, uKenki Fukuoka noKotaro Matsushima abadlala emaphikweni.

“Kufuneka sifumane indlela yokuvala abadlali beJapan ababalekayo,” utshilo uStick othe indlela iJapan edlala ngayo inefuthe laseNew Zealand.

“Abadlali bayo banesitayile esihle sokudlala umbhoxo futhi bayabaleka.

Siyayazi iJapan izimisele ukugcina ibhola kuyo imizuzu engamashumi amahlanu ukuze kuphazamiseke indlela esidlala ngayo,” utshilo uStick.

Kanti yena uErasmus uthe AmaBhokobhoko kufuneka alibale ngokwenzeka ngo2015.

“Into endingayithetha kukuba kufuneka indlela yokudlala eyahlukileyo kunaleyo esiyisebenzise emdlalweni wobuhlobo phambi kweNdebe yeHlabathi,” utshilo uRassie olindele umdlalo onzima ngeCawe. Kodwa eyona nto ibalulekileyo kukuba uMzantsi Afrika ufumane impindezelo eTokyo Stadium.