UNdengane uyibethisa ngoyaba eyePirates!

Alfred Ndengane of Bloemfontein Celtic and Thabo Matlaba of Orlando Pirates during the Absa Premiership 2017/18 game between Bloemfontein Celtic and Orlando Pirates at Dr Molemela Stadium, Bloemfontein on 26 November 2017 © Frikke Kapp/BackpagePix

Akafuni
ukuyifaka engqondweni u-Alfred Ndengane, odlalela iBloemfontein Celtic, into
yokufunwa kwakhe yi-Orlando Pirates. UNdengane ngomnye wabadlali abaziintsika
kwiqela likaVeselin Jelusic kwaye ukwangumdlali okwaziyo ukudlala kwiindawo
ezahlukeneyo kwiCeltic. Phambi kokuvalwa kwenyoba yokuthenga abadlali ekuqaleni
kwalo nyaka, uNdengane yayingomnye wabadlali abagacelwe yiPirates – kodwa zange
aye kuyo kuba abaphathi besithi ngekhe balidilize iqela isizini iphakathi. ICeltic
yaphetha ikhulula uKabelo “Skipper” Mahlasela owathathwa yiKaizer Chiefs yona
eyakhulula uLorenzo Gordinho.

“Ndiyawazi
lo mba wePirates – kodwa okwangoku ndisengumdlali weCeltic. Yinto enkulu kubo
bonke abadlali ukudlalela iqela elikhulu – kodwa ndinexesha elide ngoku ndise
bholeni, izinto ezinjalo andizivumeli zindiphazamise. Into esengqondweni yam
ngoku kukudlalela iCeltic siphumelele nemidlalo,” utshilo uNdengane.

Abadlali
bePirates abaqhuba kakuhle kule sizini bayayiveza into ethi umqeqeshi wabo,
uMilutin Sredojevic, uthanda abadlali abadlala kwiindawo ezininzi ebaleni.
UThabo Matlaba ngoyena mdlali osele esetyenziswe kwiindawo ezahlukeneyo kule
sizini. Isivumelwano sengqesho sikaNdengane siphelelwa ngo-2019 kwiCeltic.

Lo
kaNdengane kulindeleke enze indima ebonakalayo xa iqela lakhe, iBloem Celtic, lidibana
neRichards Bay FC kumdlalo weNedbank Cup ngentsimbi yesithathu eDr Molemela
Stadium emalanga ngeCawe. “Kunzima, ukuba bendizikhethela – ngendithathe iqela
elidala kwiPSL. Kodwa ke akukho nto esinokuyitshintsha ngoku.
Sidlala neRichards
Bay
edlala kwiNFD. Amaqela
adlala kwiNFD anamandla, anento yokufuna ukubonisa ubungcono bawo xa edlala
namaqela akwiPSL. Akululanga ukudlalela eBloemfontein, lo nto baza kuyiva kubo,”
utshilo uNdengane.