Akukho Day Zero apha – itsho imibutho yezopolitiko

Inkokeli yeDA uMmusi Maimane UMFANEKISO: Ayanda Ndamane / ANA

EKAPA: IMIBUTHO yezopolitiko ephikisayo eKapa ingenelele kuluvo lwabahlali lokuthandabuza uDay Zero, apho zonke iimpompo zamanzi, emva kokuba inkokheli yeDA uMmusi Maimane ebhengeze ukuba awazukuphela amanzi kulo nyaka.

Ibali likaDay Zero lihamba ngolu hlobo, ngo2015, isixeko saseKapa sabhengeza ukuba akusanethi njengesiqhelo ebusika. Kwinyanga yoMqungu ngo2017, isixeko saphumeza uLevel 3B wokulawula amanzi. Ekuqaleni kwalo nyaka, uSodolophu uPatrica de Lille wabhengeza ukuba kuza kunyanzeleka ukuba zivalwe iimpompo ukuba akutshintshwa indlela ekusetyenziswa ngayo amanzi.

Wathi uDay Zero uyakufika mhla amadama anamanzi angange 13.5%. Ukufika kwawo, abahlali bebeza kuqokelela amanzi angangeelitha ezingama-25 umntu emnye kwiindawo ebeziza kulungiselelwa oko. Ekuqaleni, lomhla waqikelelwa nge22 kwekaTshazimpuzi, wasondezelwa kwi12, wabhekeliselwa kwi11 kaCanzibe,   kwi 4 kweyeSilimela phambi kokuba abhekeliselwe kwi9 kweyeKhala.

NgoLwesithathu, inkokheli yeDA uMmusi Maimane ubhengeze ukuba awuzukubakhona lo mhla kulo nyaka. “Nangona engazukubakho uDay Zero kulo nyaka, kungenzeka abekhona ngo2019 ehlotyeni ukuba akuzukunetha ebusika kulo nyaka.”

Umbhexeshi weAfrican Christian Democratic Party (ACDP) esixekweni uGrant Haskin ubuzile: “Ingaba iyakuze ifike le mini?”

“Kwiiveki ezimbini ezidlulileyo besinoDay Zero kodwa namhlanje asinaye. Yonke le nto (Day Zero) ibethelele nje ukoyika ebantwini baseKapa. Yenzeka njani into yokuba into enkulu kangaka ibekhona namhlanje ze ingabikho ngomso?  Khumbula ukuba akukho manzi nanjengoko kungakhange kunethe. Into emayenzeke ngoku kukuthotywa kweentlawulo zamanzi,” utshilo.

UHaskin ulumkise ngelithi iDA mayiyeke ukudlala ngabantu koko igqithise ngeenkcukacha ezichanekileyo. “Umyalezo weDA uyathandabuzisa. Wenza abantu boyike endaweni yokuzisa olona lwazi lululo ngalo mbandela kaDay Zero,” utshilo.

Unobhala weCosatu kweli phondo uTony Ehrenreich nokwalilungu lebhunga lesixeko uthe: “Zange wakhona uDay Zero. IDA yayiqweba yonke le ntlekele ukuze ithenge izixhobo zokucoca amanzi aselwandle kootshomi babo abaseIsrael. Kukhohliswa abantu kuyo yonke le nto. Into embi yeyokuba ibathwaxa ezimpokothweni nanjengoko kufuneka bebhatele amanzi abagrogriswa ngokuba ayaphela,” utshilo.  

ICape Town Water Crisis Coalition kudala yathi uDay Zero yinto engekhoyo-ntonje kugrogriswa abantu.