UNginase ukhala ngabadlali abadala kwi-Orlando Pirates!

Mphumzi Nginase

Njengokuba i-Orlando Pirates iqhube kakubi kule sizini – kodwa umlandeli wayo unethemba lokuba iyakumxolisa ngendebe yeNedbank.

Pedro Mapelo: Siyabulisa Mhlekazi, unjani?

Umlandeli: Kuhle Bhuti, kunjani kuwe?

PM: Ngokufutshane nje uthini xa uzichaza?

Umlandeli: Igama lam ndinguMphumzi Nginase waseTshabho, eQonce.

PM: Nceda usixelele ngeentsuku zakho zobutsha nePirates.

Mphumzi Nginase: Ndikhule ndiyibukela iPirates kumabonakude. Ngezo ntsuku kwakusadlala abadlali abafana noo-Okpara Williams nooBrandon Silent. Umkhuluwa wam wayeyithanda kakhulu futhi engxola xa iBucs ibethe iKaizer Chiefs. Nam ndaqonda mandilandele yena.

PM: Yintoni oyithandayo kwiBhakaniya?

MN: Ndithanda le nto iliqela elikhulu, wonke umntu ufuna ukudlalela iPirates. Ngoku ndithanda abadlali abafana noAbbubaker Mobara, uThabo Rakhale, uMarc van Heerden noJackson Mabokgwane.

PM: Yintoni ongasoze uyilibale eyenziwa okanye eyenzeka kwiPirates?

MN: Uyabona ukufumana kwethu indebe yeChampions League ngo’95, yinto endingasoze ndiyilibale. Ndibagezela ngalo nto nabalandeli beChiefs. Enye into kukubethwa kwethu ngo’6-1 yiSuperSport United nayiMamelodi Sundowns ngo’6-0 kule sizini. Yinto embi endingasoze ndiyilibale.

PM: Uluvo lwakho ngale sizini, kwiNedbank Cup ulindele ntoni?

MN: Eyish! Andiyazi bonanje into engene abadlali bethu. Kufuneka bahlaliswe phantsi, kudlale abatsha ukuze babuye belambele ukudlala. Kungakuhle ukuba singayithatha iNedbank – kodwa kuzakuba nzima ngoba iSuperSport izakudlalela uStuart Baxter.

PM: Ngubani umdlali omthandayo kwiBucs?

MN: Ndithanda kakhulu uLuvuyo Memela. Ngumdlali onesiphiwo kakhulu kwaye okwaziyo ukugqibezela phambi kweepali.