Unikwe isikhundla sobuKapteni uPietersen

Umbuzo ohleliyo kule mpelaveki ngowokuba ngawaphi na amaqela aza kudlulela kumjikelo olandelayo weSuper Rugby. IJaguares yase Argentina izibona inamandla okuba ixhomekeke kuyo indlela ezakuma ngayo iSuper Rugby. IJaguares ibiqala ukufika kule sizini kwiSuper Rugby, kwaye khange iqhube kakuhle kwaphela.

ILions ishiye ngemva abadlali abalishumi elinesihlanu ukubanika ithuba lokuba baphumle phambi kokuya kwimidlalo yeplayoffs.

Ukuba lento yenziwe nguJohan Ackermann ayisebenzi, iqela lakhe lizakuba sengxakini kuba alizokwazi ukudlala umdlalo wamagqibela kankqoyi ekhaya.

ILions iya kulo mjikelo wokugqibela inamanqaku angamashumi amahlanu anesibini, amaqela alandela emva kwayo yiChiefs, iCrusaders, iHighlanders neWellington Hurricanes.

Ngelixa iLions izakube ingquzulana neJaguares eBuenos Aires ngokuhlwa ngoMgqibelo, kumdlalo wokuvala isizini, amanye amaqela la aseNew Zealand azakube ehluzana nawo kucace elidlulayo.

Umqeqeshi weLions * -Ackermann uyabazi ubungozi bomngcipheko azifaka kuwo ngokudlalisa abadlali abangafane badlale. Ukholelwa ukuba lento ifanelekile.

“Sibathembile kakhulu aba badlali sibathumela e-Argentina. Bebesoloko beyinxalenye yeqela lethu elongezelelweyo unyaka wonke, kufuneka balungele ukudlala kumdlalo weplayoffs ukuba sithe sabadinga, lo mdlalo ungabanceda ukuba balungele loo nto,” utshilo * -Ackermann.

Omnye umdlalo obalulekileyo kule mpelaveki kwiSuper Rugby ngumdlalo phakathi kweSharks neSunwolves. Izolo kubhengezwe ukuba eli qela laseThekwini liza kuwonga uJP Pietersen kanye phambi kokuba aye eLeicester ngokumnika uxanduva lokuba yikapteni kulo mdlalo.

UJP ngoyena mdlali uneminqwazi emininzi kweli qela, kwaye ngoyena ungqengqe emgceni amatyeli amaninzi kunabanye.