UNorma Plummer uyishiyile indawo, omtsha ungena kunyaka ozayo

Norma Plummer.

Ubeke phantsi ngokusesikweni uNorma Plummer obengumqeqeshi weSPAR Proteas emva kwetumente ekuthiwa yiVitality Netabll Series. Amantombazana oMzantsi Afrika adlala umnyazi abuye eqhwalela emva kokubethwa ngamaNgesi aphumelele imidlalo emibini komnye (2-1). UPlummer ubuyele eMzantsi Afrika ekupheleni konyaka ka2022 emva kokugxothwa komqeqeshi owayekhona. Nguye obexhuzula imikhala ngethuba iSPAR Proteas idlala kwitumente yehlabathi ebibanjelwe eKapa kulo nyaka uphelayo.

Nangona uPlummer wabeka uMzantsi Afrika kwindawo yesine kwitumente yehlabathi ngo2019 – ngelishwa, izinto khange zihambe kakuhle kwitumente ebibanjelwe eKapa kulo nyaka. Ubuyele elizweni lakhe lokuzalwa – kodwa akukacaci ukuba uza kuqhubela phambili na nokuba ngumqeqeshi. “Ndifumene inyhweba yokusebenza nabona badlali bebhola yomnyazi abasemgangathweni ophezulu eMzantsi Afrika,” utshilo uPlummer phambi kokuzichitha kwakhe iintente.

Noxa engakwazanga ukunika abalandeli bomnyazi eyona ndebe abayilangazelelayo – kodwa ubaqinisekisile ukuba ushiye isiseko esomeleleyo nekuza kwakhiwa phezu kwaso ngulowo uza kungena endaweni yakhe. “Ngelishwa asikwazanga ukuyiphumelela yonke imidlalo esisuka kuyo eNgilane – kodwa ndiyaniqinisekisa ukuba ikhona into esiyakhileyo. Ndiyathemba ukuba iqela liza kukhula emva kwam. Ndibulela kakhulu ngokunikwa ithuba lokuqeqesha iSPAR Proteas ityeli lesibini. Lifikile ixesha lokuba ukhule umnyazi eMzantsi Afrika,” uvale ngaloo mazwi uPlummer.

UMongameli weNetball South Africa uphose amazwi ombulelo phambi kokuhamba komqeqeshi. “UNorma Plummer ebengumqeqeshi obalulekileyo emdlalweni womnyazi nakubadlali bonke. Wafika ngexesha elibi kakhulu esasidinga ngalo umqeqeshi osemgangathweni ophezulu, wayile nto kanye sasiyifuna. Ubethelele kuthi ukusebenza ngokuzimisela nokuzithemba ngamaxesha onke. Ngaphezulu ufake ukuzithemba kuthi,” utshilo uCecilia Molokwane, olebele ngelithi igama lomqeqeshi omtsha liza kubhengezwa kunyaka ozayo.