Mawalithathe amanina isiko lokwaluka

Amadoda ephondo leMpuma Koloni axoxa izinto ezingezi nasisombululo malunga nesiko lokwaluka kwabantwana abangamadodana logama beqhubeka bebhubhela ezandleni zabo.

Bemile ngelithi lisiko labo alinakungenwa ngamakhosikazi azala aba bantwana, kodwa bayafa mihla le abantwana. Amadoda ayehlonitshwa engaphazanyiswa ngesiko lokwaluka yayingamadoda ayenikwa abantwana bephilile abuye nabo bephilile.

Kumele ukuba kuqaliswe ingxoxo ethi angathatha inxaxheba enjani amanina kwisiko lokwaluka ukuze ancedise ukukhusela abantwana babo.

Yintsomi le yokuba amadoda angavumi ukwenza utshintsho kweli siko, kuba sele silahlekile isidima salo. ENgcwazi eNgqamakhwe kubhubhe abakhwetha ababini ngokudutyulwa, eWalmer eGqeberha kubhubhe umkhwetha ngokudutyulwa.

Kunyaka ophelileyo kutshe abakhwetha abathathu ebhumeni eMonti ezandleni zabantu abathi bangamadoda. Yahlukanani nokufuna ukoyikwa, ukuhlonitshwa nokungachukunyiswa nibe nisoyiswa ngumsebenzi wenu madoda eMpuma Koloni.

Ukuthetha nokuveza izimvo asoze siyeke de bayeke ukufa abantwana ezandleni zenu. Xa exoxa amadoda azama zonke nje izizathu zokukhusela ubu athalala bawo, kodwa beqhubeka abantwana bebhubha esuthwini.

Kwisithuba nje seeveki ezimbini bebesele besibhozo abantwana ababhubhele esuthwini ukusukela ngomhla wesithathu kaNovemba.

Urhulumente uqesha iibhaki ngemali engekho ngaphantsi kwamashumi amabini ezigidi zeerandi minyaka le, kwenziwa nezinye iinzame zokuphungula ezingxaki, kodwa abantwana abayeki kufa esuthwini.

Kutheni lento nifuna ukuhlonitshwa noyikwe kodwa niyoyiswa ngumsebenzi wenu wokukhusela abantwana? Amadoda ziinkokheli zamakhaya, iinkokheli zesizwe ekumele ukuba zathatha isigqibo kudala ngokutshintshwa kwendlela eliqhutywa ngayo elisiko.

Endaweni yokuxoxa ngenguqu, amadoda akhusela ubugangxa bawo bokungakwazi ukubuyisa abantwa bephilile. Kwelinye icala amanina nawo ayagrogriswa ukuba angakhe aqale ukusondela kweli siko libulala abantwana.

Iinkokhelikazi zamanina zilibele kukuthi lisiko lamadoda eli, kodwa liyaqhubeka libulala abantwana. Uninzi lamanina ligxeke uGqirha Nokuzola Mndende kwincwadi yakhe ethi, Nilele Na, ezama ukubonisa ukuba kumele ukuba kwenziwe inguqu kwisiko.

Wambi kwala makhosikazi ahambisa nale meko ikhoyo kuba amnkela imirholo ecacileyo kuRhulumente. Umhla wesibhozo kwinyanga ezayo uzakubetha liqabele kumashumi amabini inani labantwana ababhubhele ezandleni zamadoda eMpuma Koloni. Kudala kwaxoxwa kumanqanaba ahlukeneyo, ngoku kumele ukuba kuthethwe ngenguqu emele ukwenziwa.

Ezinye zezinto ezinokuxoxwa kukuba angena athathe inxaxheba njani amanina kweli siko, baluselwe esibhedlele besazalwa abantwana, baluswe ngamabutho zizizwe zabo okanye ezinye ke iindlela.

Kwiveki ephelileyo, I’solezwe lityelele igqala lengcibi eTywaku eNgqamakhwe uMntuwasemzini Mbele, eligqala limemelela ukuba kukhuthazwe ukwaluka kwabantwana kwizindlu zengcibi.

Vukani manina, baphela abantwana benu ezandleni zamadoda oyiswa kukwenza umsebenzi wawo.