UPercy Tau uqala ubomi obutsha eYurophu

Kwiveki ephelileyo umba wokuhamba kukaPercy Tau uye wasongwa.

UTau uqale ubomi obutsha eNgilane ukusukela kwiveki ephelileyo emva kokuba iBrighton Hove & Albion imazise njengomdlali wayo omtsha ngokusesikweni.

Lo mdlali usuka kwiMamelodi Sundowns kucingeleka ukuba imthengise ngesityhwentywe semali ephaya kumashumi amahlanu ezigidi zeerandi (R50-million).

UTau (24) ngoku useYurophu – apho anethemba lokukhula khona ngokwasebholeni emva kokupasa gqathu kwibhola yaseMzantsi Afrika.

Ulandela ekhondweni labanye abadlali abafana noBongani Zungu noKeagan Dolly abaseFrance.

Kwiisizini ezintathu ezidlulileyo, uTau wenze indima ebonakalayo ngethuba encedisa iSundowns ephumelele iindebe zeAbsa Premier Soccer League, iCaf Champions League, iCaf Super Cup, nezinye.

Akuphelelanga apho ngoba wenze ezibukwayo nakwiqela lesizwe, waze wagqibela ngokuvala isizini ka2017/18 afumene kuyo iwonga lomdlali wonyaka, umdlalo ochongwe ngabanye abadlali nelomdlali ofake amagowuli amaninzi abelane nalo noRodney Ramagalela wePolokwane City.

Ngoku uTau unethemba lokuzenzela igama kwilizwe elinebhola esemgangathweni ophezulu kakhulu. Umphathi weBrighton, uChris Hugton, uthe iqela liza kubolekisa ngaye lo mdlali owazalelwa eMpumalanga ukuze aqhelane nendlela ekudlalwa ngayo eYurophu.

“Ukudlalela elinye iqela ngemboleko yinto entle ngoba iza kundikhulisa lo nto. Yinto entsha kum iYurophu. Ndizimisele ukuphucula izinto ezithile emdlalweni wam kwaye ndinethemba lokuyibamba indlela ekudlalwa ngayo apha ngoba yahlukile kweyethu eMzantsi Afrika,” utshilo uTau.

Emva kokutyikitya iminyaka emine kwiBrighton, ukufumana imvume yokudlala kwiEnglish Premier League yinto eza kumnzimela ngoba usadlalele aBafana Bafana amatyeli alishumi elinesibini qha.

Umqeqeshi weDowns, uPitso Mosimane, umkhulule umdlali wakhe ngentliziyo entle, watsho emnqwenelela okuhle kodwa xa eqala ubomi obutsha eYurophu.

“UTau uyifanele indawo akuyo. Ndicinga ukuba wonwabile ngoba uye kwindawo ayifunayo. Simnqwelela okuhle kodwa. Ngoku akamelanga iSundowns; kufuneka emele uMzantsi Afrika wonke. Andizuthetha ngeBrighton; andiyenzi lo nto,” utshilo uPitso.