UPitso Mosimane noVictor Gomes bafumene amawonga abalulekileyo

UPitso Mosimane ngumqeqeshi we-Al Ahly. Umfanekiso: ©BackpagePix

UPitso Mosimane noVictor Gomes bafumene amawonga aphezulu kwizwekazi le-Afrika liqumrhu ekuthiwa yi-International Federation of Football History and Statistics (IFFHS) kutshanje. OkaMosimane, ofumene iwonga lomqeqeshi oqaqambileyo e-Afrika, ngumqeqeshi we-Al Ahly yaseYiphutha. Yena uGomes walapha eMzantsi Afrika ufumene iwonga losompempe oqaqambileyo. Bazuze amawonga emsithweni ekuwongwe kuwo abadlali abaphambili abafana noMohamed Salah, uEdourd Mendy, uDjamel Belmadi, uRiyad Mahrez noLassina Traore.

Ukuwongwa kukaMosimane akothusanga kwaphela ngoba emva kokushiya kwakhe iMamelodi Sundowns kunyaka ophelelileyo, ufike waphumelela iintaphane yeendebe kwi-Al Ahly ayithathe wayisa kwiFifa Club World Cup ebikulo nyaka. Ulamkele ngovuyo olukhulu iwonga elifumeneyo watsho ebulela iqumrhu elimwongileyo.

“Ndiziva ndowongekile kakhulu. Ndiyabulela kwi-IFFHS ngokundinika iwonga elinje. Mandibulele bonke oogxa bam endisebenza nabo kwi-Al Ahly, abadlali, abalandeli nomongameli weqela, uMnu. El Khatib. Ndiyababulela nabo abalandeli bam abakwizwekazi le-Afrika yonke,” utshilo uPitso. Iwonga kulindeleke ukuba liqinise iingxoxo zakhe zesivumelwano sakhe esitsha asinikwa yi-Al Ahly.

Ukubeke kwacaca kwiintsuku ezigqithileyo ukuba yena uzimisele ukuhlala kwi-Ah Ahly nangona esebenza phantsi koxinizelelo lwezigxeko zamagqala neentatheli zaseYiphutha. Phakathi kweendebe eziphunyelelwe nguMosmane kukho iindebe ze-Absa Premier Soccer League, ezeNedbank, iTelkom Knockout, ezeCAF Champions League ezimbini, iSuper Cup, iEgyptian League nezinye. Phambi kokuqala kwesizini eqhubekayo eYiphutha, uMosimane wathatha uPercy Tau owenza izimanga kwi-Al Ahly emva kokumthatha kwiqela laseNgilane ngenxa yokungadlaliswa.