UPitso Mosimane uthi unecebo lokubamba uShonga noMulenga

Pitso Mosimane, coach of Mamelodi Sundowns gives instructions to Andile Jali during the 2018 Telkom Knockout Cup match between Mamelodi Sundowns and Bloemfontein Celtic at the Lucas Moripe Stadium, Atteridgeville on 20 October 2018 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Ngomso kudibana
oomakad’ezondaba kwibhola ekhatywayo eMzantsi Afrika – iMamelodi Sundowns
ne-Orlando Pirates. La maqela mabini kulindeleke aqubisane kumdlalo we-Absa
Premier Soccer League ojongwe ngamehlo abomvu ngecala emva kwentsimbi
yesithathu (3:30) eLoftus Versfeld Stadium. Iqela likaMilutin “Micho”
lineefolosi ezimbini eziyingozi kakhulu xa kuhlaselwa: uJustine Shonga
no-Augustine Mulenga. Emdlalweni wangomso, uPitso uthi abalandeli beDowns
mabathobe amaphaphu ngoba unalo icebo lokukhonkxa uShonga noMulenga. Nangona
elithembile iqela lakhe uPitso phambi komdlalo wangomso – kodwa uyazi ukuba
angagagana nePirates eyahlukileyo kuleyo ayiqhelileyo. Le yale isizini idlala
kakuhle kakhulu kwaye ifuna impumelelo njengokuba ihleli phezulu emva kokubetha
iPolokwane City ngo’3-1 emdlalweni obungoLwesithathu ebusuku.

“Nisamkhumbula
uThabo Nthethe no-Alje Schut? Abo badlali babengenawo amendu. Uya kuphawula
ukuba kwiminyaka emihlanu ndilapha kwiDowns, akufakwanga amagowuli amaninzi
kuyo. Oko ndabalapha, kufakwe amagowuli ambalwa. Ngamanye amaxesha kufuneka
usebenzise ingqondo xa udlala. Ngokwenza njalo; uyayazi into omawuyenze xa
usebaleni. Abadlali abafana noRicardo Nascimento bayazazi ukuba abakwazi
ukubaleka kakhulu – kodwa banendlela abazilungiselela ngayo. Kuyafana nakuMusa
Lebusa – kodwa uyazazi ukuba makadlale njani ebaleni. Wonke umntu ukhala
ngabadlali beSundowns abangakwaziyo ukubaleka – kodwa ngabona bangavuziyo,” utshilo
uPiso ethetha neentatheli izolo.

KwiPirates,
ayingoShonga noMulenga kuphela abayingxaki. Kukho uVincent Pule noThembinkosi
Lorch abatshawuza okombane ebaleni. Umqeqeshi weDowns uthi unendlela aza
kubabamba ngao bonke abo badlali ngomso eTshwane. Xa usithi abadlali
basemva mabacuthe ibala ngokwenza umgca esazulwini sebala uzifaka engxakini
ngoba yindlela uShonga noMulenga abawonzakalisa ngayo leyo amaqela. Ndiyazi
abanye abantu bathi indlela yokuzikhusela kukuhlasela. Ewe, ndiyayithanda nam
leyo – kodwa ayisebenzi lo nto ngamanye amaxesha. Bangabadlali aba balekayo
futhi abanamandla – yiyo lo nto bengasokoli xa befika eMzantsi Afrika kodwa
nathi sinabo abadlali abanjalo apha,” utshilo uMosimane.

Amasandawana
akakabethwa kwimidlalo yePSL nangona ebekhe akakwazi ukuyiphumelela
imidlalo ethile. IDowns iya emdlalweni wangomso ukuzithemba kuphezulu emva
kokubetha iFree State Stars ngo’3-1 kumdlalo wePSL obuseLucas Moripe Stadium. Njengokuba
engekho uSibusiso Vilakazi ngenxa yokonzakala, uPitso uza kubeka ithemba lakhe
kumtshini ozitshintshayo uGuston Sirino ofake amagowuli amabini phakathi
evekini. Kanti abadlali abafana noHlompho Kekana, uThemba Zwane noJeremy
Brockie – ofake igowuli lakhe lokuqala kumdlalo wePSL ngengomdlali weDowns
ukusukela mhla wafika.