Bome kroqo oompompi eGcuwa emva kokugqabhuka kombhobho

Ukugqabhuka kombhobho ohambisa amanzi eGcuwa kubangele ukuba iindawo ezininzi kule dolophu zishiyeke zingenamanzi.


Umasipala waseAmathole uthi ukungabikho kwamanzi kwiindawo eziliqela eGcuwa kubangelwe kukugqabhuka kombhobho eReservoir Hill.

Lo mbhobho ugqabhuke ngenxa yokuba emdala, utshilo umasipala.

Olu gqabhuko lubangele ukungabikho kwamanzi kwiindawo ezifana neBika neendawo ezingqongileyo,  Cuba, Vuli Valley, Extensions 14, Extension 24 naseMchubakazi.

“Njengokuba ekhutshiwe amagosa ukulungisa lo mbhobho, umasipala uza kukhupha iinqwelo zokuthutha amanzi ukuze bafumane amanzi abo bakwiindawo ezichaphazelekileyo,” utshilo umasipala.

Kusenjalo, lo masipala ukwavakalise inkxalabo kukwehla komthamo wamanzi kumadama aphantsi kwawo.

Idama laseXilinxa eNgqamakhwe, nelithumela amanzi eGcuwa, limkumyinge we-36%, elaseNgxakaxa eDutywa liku-15%, elakuMputi eDutywa liku-3% , elaseHaga Haga liku-3% logama elaseAndrew Turpin eBedford liku-4%.