UJabu Maluleka ude wavuzwa yiPSL ekugqibeleni

Jozef Vukusic, coach of Polokwane City, Sponsorship Manager of Absa, Mtunzi Jonas and Jabulani Maluleke of Polokwane City during the Absa Premiership 2018/19 Absa Premiership Coach and Player of the Month Announcement at the PSL Offices, Johannesburg on 07 November 2018 ©Aubrey Kgakatsi/BackpagePix

Izolo
zenzekile izinto, iPSL iwonge umdlali ophambili wePolokwane City
ogama linguJabu Maluleke. Khange kuphelele apho ngoba nomqeqeshi weCity, uJosef
Vukusic, unikwe elakhe iwonga emva kokugqwesa kwinyaka ephelileyo kwimidlalo
yePSL. Umsitho wokuwongwa kwabo ububanjelwe izolo eGoli. Nakubeni engazange
wanethamsanqa lokuchongwa ngabaqeqeshi beqela lesizwe (Bafana Bafana) – kodwa uJabu
Maluleke usengumdlali odlala ngokukhulu ukuzimisela futhi oluncedo kakhulu
kwiPolokwane City. Ezinye zezinto agqwese ngazo uMaluleke ebholeni yindlela
anikela ngayo abanye abadlali xa kudlalwa ebaleni nengqondo yakhe ekhawuleza
nendlela ekhethekileyo awufunda ngayo umdlalo.

Umqeqeshi weCity,
uJosef Vukusic, unikwe iwonga lomqeqeshi oqaqambileyo. Oku kwenzeke emva kokuba
iqela lakhe lithe lwakwazi ukuphumelela imidlalo emihlanu nokudlala ntanganye
kwimidlalo elishumi eliyidlalileyo ukuzakuthi ga ngoku. Kungoku nje iPolokwane City iphakathi kwamaqela amahlanu
aphambili kwiPSL – phantsi kwegama layo inamanqaku alishumi elinesixhenxe,
ilingana ncamashi neKaizer Chiefs ebethe iBlack Leopards ngo’1-0 izolo kumdlalo
obuseFNB Stadium. “Bonke abagwebi bagqibe kwelokuba ibe nguMaluleka umdlali
ofanele kukuwongwa ngenxa yegalelo lakhe nomdlalo wakhe omhle kwiCity,” itshilo
ingxelo ekhutshwe yiPSL.

Abebenikwe uxanduva lokujonga umdlali nomqeqeshi
oqaqambileyo kwinyanga ephelileyo ibinguFarouk Khan, uDikgang Mabalane, uThabo
Kofa, uKwena Moabelo, uJoe Nxumalo noTshepo Maimane. UMaluleke noVukusic baza
kufumana imali engamawaka amahlanu erandi (R5 000) umntu ngamnye kwibhanki
yakwa-Absa – abaxhasi bePSL.