UPitso uthi makayitshaye isaqhuma uJeremy Brockie

IiBrazilians zamkele uJeremy Brockie osuka kwiSuperSport United, uGaston Sirino waseBolivia, u-Aubrey Ngoma osuka kwiCape Town City noSiyabonga Zulu obedlalela iPlatinum Stars. Umfanekiso: Sundowns

Inye into
efunwa kuJeremy Brockie: kukufaka amagowuli. Le yinto ethethwe ngumqeqeshi weMamelodi
Sundowns, uPitso Mosimane, ngethuba kusamkelwa abatsha kwiintsuku ezimbalwa
ezidlulileyo. IiBrazilians zamkele uJeremy Brockie osuka kwiSuperSport United, uGaston
Sirino waseBolivia, u-Aubrey Ngoma osuka kwiCape Town
City
noSiyabonga Zulu
obedlalela iPlatinum Stars. UBrockie ngoyena mdlali osematheni kwaba badlali
emva kokuvakala kweendaba ezithi iSundowns ibhatele imali eqikelelwa kwizigidi
ezilishumi elinesibini zerandi (R12-million) kwiSuperSport ukuze imfumane.
Njengokuba ethengwe ngemali enkulu, nakuye kulindeleke lukhulu.

UPitso uthi
ufuna le folosi yaseNew Zealand iyitshaye
isaqhuma ngoba inye qha into efuneka kuyo: kukufaka ibhola emnatheni. UBrockie ngumdlali
oneliso lamagowuli futhi unonyawo oluhle kakhulu, ukuba abadlali beDowns
bamnika ibhola kakuhle – ukufaka amagowuli kufanele ibe yinto elula kuye. “Ndingavuya
ukuba angangena egiyeni ngokukhawuleza. Sizakumnika ibhola ukuze enze umsebenzi
wakhe. Into ekufuneka ayenze kukuma endaweni elungileyo qha emidlalweni –
siyayazi ke into enokwenzeka,” utshilo uPitso.

AmaSandawana
adibana nePlatinum Stars kumdlalo we-Absa Premier Soccer League ngentsimbi
yesithandathu ngongcwalazi namhlanje eLoftus Versfeld Stadium. Kulindeleke ukuba
uBrockie – obonwa njengomdlali ozakuthi othule umthwalo kuPercy Tau – adlale
kumdlalo wanamhlanje. Emva kokufa kweCBD kuye kwanyanzeleka uPitso athembele
kuTau nakuThemba Zwane kwicala lokufaka amagowuli.

UBrockie uthe
ukulangazelela ngamandla ukudlala umdlalo wakhe wokuqala njengomdlali
weSundowns naphantsi kukaPitso ekubonakalayo ukuba iimbono zabo ziyafana
ngeqela. “Kudala ndiyibukela indlela edlala ngayo iSundowns. Iyamangalisa
indlela ewadala ngayo amathuba. Ndiyavuya ndide ndalapha. Baninzi abadlali
abahlaselayo kweli qela endicinga ukuba kufuneka ndisebenzise ubuchule babo.
Iqela liyandithemba, nam kufuneka ndizibonakalise,” utshilo uBrockie.