UMondeka Khoza unceda abantwana abasweleyo eMpuma Koloni

Le ntokazi yelali yaseLuphondweni, eQonce, isungule iphulo layo lokuphisa ngezihlangu kulo nyaka kwisikolo iMdabuka Junior Secondary School ezantsi eLusikisiki. Umfanekiso: Facebook

Xa umntu
ecinga ngentlupheko okanye ihambo-nzima yomntu omnyama, iphondo leMpuma Koloni
lithi qatha kuqala ezingqondweni zabantu. Eli phondo lelona libantu abatsala
nzima ngoba linoqoqosho elungavelisi misebenzi ngenxa yolawulo lukarhulumente oluyeke-yeke.
Yiyo lo nto abakhi besizwe abafana noMondeka Khoza bebalulekile ebantwini nakwindawo
efana neMpuma Koloni. Ukuvulwa kwezikolo ayibilithuba lokufunda nokufundiswa
kwabantwana nje kuphela esikolweni – kodwa iba lixesha elinzima nakubazali
abangenayo imali yokuthengela abantwana babo iimpahla zesikolo ezintsha. UKhoza,
33, ujikeleza kwiindawo ezithile kweli phondo. Injongo yakhe kukuphisa
ngezihlangu ezitsha ebantwaneni abafundayo abangenazo nekutsalwa nzima
emakhayeni wabo.

    

Le ntokazi
yelali yaseLuphondweni, eQonce, isungule iphulo layo lokuphisa ngezihlangu kulo
nyaka kwisikolo iMdabuka Junior
Secondary School
ezantsi
eLusikisiki. Kulapho ashiye uncumo ebusweni babantwana abangamashumi amahlanu
ngokubanika izihlangu ezitsha kraca. Uphume apho waya eMbabalane Junior
Secondary School, ePort St Johns, phambi kokuthi gxada kwezinye izikolo kuQumbu
naseMthatha ngokulandelelana izolo. Kwiveki ezayo uKhoza uzakube ephisa ngezinye
izihlangu kuGatyane, eCofimvaba, eLady Frere, eKomani, eDordrecht naseBhayi phambi
kokuvala kwisikolo awayefunda kuso iLuphondweni-Athenkosi Primary School. Zizonke
izihlangu azakuphisa ngazo uKhoza ngamakhulu asixhenxe namashumi amathandathu
(760). Yonke lo nto uyenza phantsi kwegama “Uphawu Community Development” –
umbutho owasungulwa nguNondeka Khoza ukuze akwazi ukwenza umahluko kuphuhliso
lwezemfundo kweli lizwe.

Ukunceda abantu
abahlelekileyo yinto esentlizyweni kule ntokazi yaseQonce kwaye yinto ephila
entliziyweni yayo kakhulu. Kulo msebenzi mkhulu kangaka awenzayo, uMondeka
uncedwe kakhulu ngabantu abathe banikela ngezihlangu neenkampani zabucala eKapa
– apho ahlala khona. “
Ngenxa
yokwazi intlupheko ekweli phondo, ndabona ukuba mandilizise kweli phondo iphulo
lam lezihlangu…kuba ndikholelwa ukuba isidima saye nomphi na umntu siqala
esihlangwini. Ndafumana kakhulu inkxaso kwinkampani yamagqwetha yakwaSmith
Tabata Buchanan Boyes eyathi yandixhasa ndisawuqala lo mbono. Ikwayiyo eye yahlawula
olu khenketho lwam ngokupheleleyo. Ngaphezulu koko indinike nekhefu leveki
ezimbini lokuqhuba lo msebenzi
,” utshilo uKhoza.