UPitso uzingomb’isifuba ngokuthenga uCoetzee

Umqeqeshi weMamelodi Sundowns uPitso Mosimane

Umqeqeshi weMamelodi Sundowns akoyiki ukuthenga abadlali. Nakule isizini kube njalo.

UPitso Mosimane utyikitye abadlali abakhulu ngoba ufuna iindebe eMzantsi Afrika nakwizwekazi le-Afrika.

Phambi kokuqala kwesizini iDowns ityikitye * -Oupa Manyisa noGeorge Lebese obengasafuni ukudlalela iKaizer Chiefs – kodwa ukutyikitywa kukaRivaldo Coetzee yeyona nto igqamileyo.

Ukuya kwiSundowns kuyityabule imali eninzi iSundowns – kodwa uJingles uthi akazisoli nakancinci ngoba ubona uCoetzee njengomdlali onekamva eliqaqambileyo.

Umqeqeshi uthi ukuthenga uRivaldo lutyalo-mali kuye ngoba usemncinci futhi udlalela iqela lesizwe.

Lo mdlali utyikitye isivumelwano seminyaka emihlanu kwiDowns emva kokuphoswa lithuba lokudlalela iGlasgow Celtic yaseScotland ngenxa yokwenzakala.

“Ibhola ekhatywayo inamaxesha wayo. Ukuba umdlali uyafumaneka ngexesha elithile kufuneka ulisebenzise elo thuba. Ndiyazi okokuba ndinabadlali abahlanu emva – kodwa ungamphosa njani umdlali onje?” utshilo uPitso.

Lo mdlali uye kwi-Ajax Amsterdam, bamthanda phaya. Umqeqeshi weGlasgow ebengawuvali umlomo ngaye kwaye unamava wokudlalela iqela lesizwe. Ndiye ndazibuza: angadlala kwiChampions League? Ewe, ngoba udlale imidlalo emininzi kwiBafana Bafana. Sibhatele imali ethe xhaxhe,” utshilo uPitso.

UPitso uthi makanikwe iminyaka emithathu uCoetzee emva koko uzakube eneendebe njengoBongani Zungu odlala eFrance ngoku.

Nangona engumdlali ophezulu uCoetzee – kodwa kufuneka asebenze ngokuzimisela ngoba uzakukhuphisana namagqala afana noThabo Ntethe, uWayne Arendse, uBangaly Soumahoro noRicardo Nascimento.

Oogqirha beSundowns bathembise uPitso ngokumzama lo mdlali kumonzakalo anawo kwisithuba seenyanga ezintathu. “Singamthengisa uRivaldo ukuba uBrendon (umqeqeshi weGlasgow) angathi uyamfuna kwakhona,” utsho uPitso.

NgoMvulo iDowns indwendwela iFree State Stars kumdlalo wePSL eGoble Park Stadium.

Imidlalo yePSL:

NgoLwesibini: SuperSport United vs Platinum Stars @Lucas Moripe Stadium 19:30; Orlando Pirates vs Ajax Cape Town @Orlando Stadium 19:30; Polokwane City vs Bloemfontein Celtic 19:30; Chippa United vs Baroka FC @Nelson Mandela Bay Stadium; AmaZulu FC vs Maritzburg United @King Zwelithini Stadium 19:30

NgoLwesithathu: Bidvest Wits vs Golden Arrows @Bidvest Stadium 19:30; Cape Town City vs Kaizer Chiefs @Cape Town Stadium 19:30.