UQhina yintandane kwiTwo Oceans

Iimbaleki zelizwe lonke nezehlabathi ziza kubuthelana eKapa – apho zizakube zikhuphisana kugqatso olunomtsalane iTwo Oceans Marathon ngoMgqibelo ekuseni.

Olu gqatso lubanjwa rhoqo minyaka yonke, nakulo unyaka kulindeleke lutsale iimbaleki ezaziwayo macala onke.

Xa kuthethwa ngeTwo Oceans Marathon kusoloko kukho abantu abaziintandane ngenxa yembali yabo kwicandelo leembaleki.

Kwiminyaka elishumi eyadlulayo kwakufudula kugqugqisa iimbaleki ezifana noDirkie Steyn, uDon Hartley, uJohn, uStephen Donald noClive Owen – kodwa lidlule elo ixesha ngokuba kukho izinto ezifana noMthandazo Qhina noLungile Gongqa.

Lo kaQhina ebesoloko ebalekela iGugulethu phambi kokufudukela eGoli – kodwa ukuqhelile ukubaleka kwiTwo Oceans.

Ngenxa yembali yayo le mbaleki, kubonakala ngathi yiyo enethuba lokubamba indawo ephambili ngempelaveki.