URamela uwubeke endaweni entle uMzantsi

Ikhulu lemitsi eliqhokrwe ngu-Omphile Ramela libeke iqela loMzantsi Afrika leqakamba, iSAA, endaweni entle phambi kokuba iZimbabwe iziphindezele ekuvalweni kosuku lesibini ngeCawa.

Le kapteni yeCape Cobras iqhokre imitsi elikhulu nanye ukwenyusa amanqaku eqela lalapha ekhaya. IZimbabwe ikwazile ukuziphendulela ngokwenza imitsi elikhulu elinesixhenxe kwimijikelo eyi’45. Eyonanto incede uRamela afikelele kule mitsi kukuba nomonde xa ebephethe iphini, kuba ithathe iiyure eziliqela ukuze afike apha.

Nabadlali abakudidi olungaphantsi benze kakuhle, uDwaine Pretorius udinge imitsi elishumi alinanye ukuba aqhokre ikhulu lakhe. URamela noPretorius baqhokre imitsi eyi’125 kwintsebenziswano yabo bobabini, kodwa uPretorius uye wawisa owakhe uthinti. Oothinti abathe balandela kumangeno oMzantsi Afrika baquka okaStiaan van Zyl nokaDane Vilas. Xa kugibisela uMzantsi Afrika kusuku lesibini khange bawe kakhulu oothinti, ngaphandle kokaTino Mawoyo okhutshwe nguDane Piedt.

Ukubuya kukaVernon Philander kwiqela lesizwe akwenzanga mahluko kakhulu, kwimijikelo yakhe esithoba ubethelwe oothinti abalishumi elinesihlanu kuphela. UPhilander ubuyela kwiqela lesizwe emva kwexesha elide kwaye izakuthatha ithuba ukuba aphinde aqhelane nokudlala kwakhona.

Iqhawe kwiqela laseZimbabwe ibinguBrian Chari oqhokre imitsi engamashumi asixhenxe ananye engakhuntshwanga kwade kwavalwa usuku lesibini lomdlalo.