USenong ufuna Amajita aqinise ngakumbi

Umqeqeshi weqela lesizwe labadlali abangaphantsi kwamashumi amabini uchulumancile emva kokuphumelela kweqela lakhe, kodwa uyakuqonda ukubaluleka kokuqinisa ngakumbi kumlenze wesibini.

Amajita abethe iqela lesizwe laseLesotho ngamagowuli amabini eqandeni kumdlalo wokuqala wokuzibekela indawo kwiCAF U-20 Cup of Nations obudlalelwa eMaseru ngenjikalanga yangeCawe edlulileyo. Ngaphandle kwamathandabuzo, umqeqeshi weli qela loMzantsi Afrika wonwabile futhi ulithembile iqela lakhe, kodwa akafuni kuyifaka entloko lo nto ngoba ibhola isenokujika kumdlalo wesibini ozakube udlalelwa apha eMzantsi Afrika.

Amagowuli Amajita afakwe nguLiam Jordan kwisigaba sokuqala noKamohelo Sithole ngomzuzu wamashumi amathathu anesixhenxe. Amajita asebenza nzima ukuze abephakathi kwamazwe azakuthi athathe inxaxheba kwitumente yamazwe ezwekazi le Afrika ezakube isingethwe yiZambia. “Siye enkampini isimo sabadlali singesihlanga ngokupheleleyo emva kokungadlali iiveki ezintathu zonke. Uninzi lwabo belukwiiholide kuba kuvalwe izikolo; lo nto ibenomthelela kakhulu kubo.

Eyona nto esenze asaxhalaba kukuba abadlali bethu bayazana kuba bebekhe badlala bonke ngaphambili, khange kubekho mfuneko yokuqala phantsi umsebenzi,” utshilo uSenong. UMzantsi Afrika akulindelekanga usokole xa udlalela ekhaya, kodwa umqeqeshi uthi akafuni abadlali bakhe bayekelele umxakatho. “Ayakhuthaza amagowuli amabini esiwafumeneyo kakhulu futhi siyawavuyela. Asifuni kuyekelela kodwa kumdlalo wesibini. Siyayazi iLesotho iyafuna ukuya kwi-AFCON futhi izakuza kuthi inomsindo. Sifuna ukuya eZambiia nathi,” utshilo uSenong.