USerero akanalo ixesha leBafana Bafana

UThulani Serero kumdlalo we-AFCON Qualifier owawuphakathi koMzantsi Afrika ne-Sudan UMFANEKISO: Sydney Mahlangu/ BackpagePix

Emva kokuba enikele umva iqela lesizwe, uThulani Serero wenze ilizwi ngesigqibo sakhe ekuqaleni kwale veki.

USerero uxelele umanejala weBafana Bafana, uMnu. Barney Kujane kwiveki ephelileyo, okokuba ngeke akwazi ukuba yinxalenye yeqela lesizwe ebeliza kudlala neSenegal imidlalo ehlakulela indebe yehlabathi ukuba akukho siqinisekiso sokudlala asifumanayo kuStuart Baxter.

UMzantsi Afrika awuyi kwindebe yehlabathi yebhola ekhatywayo ekunyaka ozayo eRussia emva kokuba ubethwe yiSenegal ngo’2-0 ePeter Mokaba Stadium kwiveki ephelileyo.

Le ndedeba yakwaSerero iyibeke yacaca ukuba yona ayinalo ixesha leBafana Bafana ukuba ayidlaliswa.

USerero, 27, ebeyinxalenye yeBafana Bafana imidlalo eliqela phantsi kukaBaxter – kodwa kweminye akalinikwanga ithuba lokudlala.

Lo nto kubonakala ngathi yinkcitha-xesha kulo mdlali kwaye uthi ukhetha ukuhlala esofeni yakhe eNetherlands endaweni yokuza kwiBafana Bafana emva koko angadlali.

“Isofa ese-Arnhem ingcono kakhulu kune yaseMzantsi Afrika. Ndisicingile isigqibo sam sokungayi kumdlalo weBafana Bafana. Ukuba bayandifuna kwiqela lesizwe, ndifuna ukudlala. Andifuni ukuya kwiBafana Bafana ngoku ngenxa yezinto ezenzeka kuyo ngoku. Bendikwazi ukubaluleka kwemidlalo – kodwa bendingenoya eMzantsi Afrika ndingazukudlala,” utshilo uSerero kwiphephandaba laseDutch – iDe Gelderlander.

USerero uthi ukungadlali kwakhe kwiBafana Bafana kwenzakalisa indlela adlala ngayo nokuzithemba kuye.

“Ndibuyele eHolland ndiphoxekile kwade kwakathathu. Iya ndibetha le nto. Kungcono ndihlale kwiVitesse ukuze ndikwazi ukuqinisa indlela endidlala ngayo qha,” uvale ngalo mazwi uSerero.

Ayonwabanga kwaphela iSafa sisigqibo esithathwe ngulo mdlali – kodwa okwangoku akukacaci ukuba leliphi inyathelo ezakulithatha.

Ayilotyeli lokuqala lo mdlali elinikela umva ilizwe lakhe kwaye kubonakala ngathi uzibona engafanelanga kukhuphisana nabanye abadlali kwiqela lesizwe.