UShalulile ukhulule iDowns emizuzwini yokugqibela kwiStellenbosch

Ibethelele indawo yayo phezulu iMamelodi Sundowns namhlanje emva kokubetha iStellenbosch ngamagowuli amabini kwelinye (2-1) emdlalweni weDStv Premiership obushushu eDani Craven Stadium ngale njikalanga. Nangona iSundowns ibikhe yaxakekiswa yimidlalo yeCaf Champions League – kodwa amaqela asemva kwayo oyisiwe kukucutha umsantsa ophakathi kwayo nawo kwaye isakhokela ngamanqaku amane onke. Umdlalo ububambene ekuqaleni njengoko bekulindelekile xa kudibene la maqela mabini.

Peter Shalulile of Mamelodi Sundowns is challenged by Sibusiso Mthethwa of Stellenbosch FC during the DStv Premiership 2020/21 game between Stellenbosch FC and Mamelodi Sundowns at Danie Craven Stadium on 13 March 2021 © Ryan Wilkisky/BackpagePix

ULyle Lahay noRivaldo Coetzee bakhe bazama ukuyihlasela iStellenbosch – kodwa amadoda afana noMogamad De Goede ebeqine ethe ngqi emva. Itsazise igazi kuqala iStellenboch ngebhola efakwe nguStanley Dimgba emva kwebhola ebikhatywe ngugxa wakhe, uAshely Du Preez. Nangona iStellies ngesikwazile ukufumana igowuli lesibini – kodwa asikwazanga ukusebenzisa elinye ithuba ebe lilihle.

Njengeentshatsheli zokwenene, iSundowns ithathele kuyo umdlalo kwisigaba sesibini. Iyisebenzele lo nto ngoba ikwazile ukuqhufuza iqanda emzuzwini wamashumi amahlanu ananye ngebhola entle efakwe sisiququ – uGaston Sirino, ofumene ibhola entle kuPeter Shalulile obethe amadoda ebhokisini.

Ifolosi yeDowns, uKermit Erasmus, ikhutshelwe ngaphandle ngenxa yokonzakala. Indawo yayo ithathwe nguMaurizio Affonso – onethuba elide engasabonakala emidlalweni yeDowns. Abadlali beStellenbosch badlalile kakhulu ngoba bakwazile ukuyibamba iDowns ixesha elide. Kodwa izinto zonakele emizuzwini yokugqibela ngethuba bevumela uPeter Shalulile afake ibhola emnatheni ngentloko.

Ligowuli elo elinike iSundowns impumelelo ebalulekileyo. Ngolo hlobo, iqela likaSteve Barker liphoswe lithuba lokuphumelela imidlalo emithathu ilandelelana emva kokutsala nzima ekuqaleni kwesizini. URushine De Reuck udlalele iDowns okokuqala kwiDStv Premiership ukusukela oko wathengwa kwiMaritzburg United kunyaka ophelileyo.

Stellenbosch: Stephens, Van Heerden, Johannes, Mthethwa, De Goede, Van Rooyen, Jabaar, Sinkala, Du Preez, Dimgba, Mendieta.

Amalalela: Langeveldt, Nange, Adams, Scott, Skelem, Macheke, Johnson, Robertson, Msengi.

Mamelodi Sundowns: Onyango, Nascimento, Lakay, De Reuck, Morena, Maboe, Sirino, Coetzee, Mkhulise, Zwane, Shalulile.

Amalalela: Goss, Modiba, Soumahoro, Mkhize, Mudau, Jali, Erasmus, Affonso, Domingo.