Ushiyeke edanile uHugo Broos kukubetha kwaBafana Bafana

USelim Amallah weMorocco noTaariq Fielies woMzantsi Afrika emdlalweni ohlakulela indlela eya kwi-Africa Cup of Nations. Stade Prince Moulay Abdallah in Rabat, Morocco on 9 June 2022 ©Nour Akanja/BackpagePix

Umqeqeshi weqela lesizwe loMzantsi Afrika uvakalise ukudana kwakhe emva kokubethwa kweqela lakhe izolo ebusuku. ABafana Bafana babuyela ekhaya bemongoza emva kokubethwa ngamagowuli amabini kwelinye (2-1) emdlalweni wokuqala obuseStade Prince Moulay Abdallah, eRabat, ohlakulela indlela eya kwiAfrican Cup of Nations kunyaka ozayo. UMzantsi Afrika utsazise igazi kuqala izolo emzuzwini wesibhozo kwisigaba sokuqala ngebhola entle efakwe Lyle Foster odlalela iqela laseBelgium, eYurophu. Nangona iMorocco ibihlasela macala onke – kodwa ayikwazanga ukugqobhoza kwisigaba sokuqala. Lo nto ibanike ithemba abalandeli boMzantsi Afrika, ingakumbi emva komsebenzi omhle owenziwe nguRonwen Willians ezipalini. Nguye othintele ukungena kwamagowuli emva kokuyekelela koogxa bakhe basemva.

Amathuba okuba iMorocco ifumane igowuli okanye amagowuli ebekhona. Into engakwazanga ukuyenza kukuwasebenzisa kwisigaba sokuqala. Kwisigaba sesibini ibuye ifuna into enye, igowuli lokulinganisa. Kuthe kwakucaca ukuba igowuli lokulinganisa ayilifumani, amandla abadlali beMorocco aye ehla. Nakubeni kunjalo, aBafana Bafana abakwazanga ukongeza okanye ukufumana igowuli lokuphumelela. Zijikile izinto ngethuba iMorocco ifumana igowuli elifakwe nguYoussef En Nesyri kwisigaba sesibini. Kuthe xa kuphela ixesha lomdlalo, uAyoub El Kaabi ubhakuzelise umnatha kwaphela ngoMzantsi Afrika. UHugo Broos uxelele iintatheli ukuba iziphumo zomdlalo asinto ebeyifuna.

“Ayizoziphumo ebesizifuna ezi sizifumeneyo,” utshilo uBroos emva komdlalo. “Emva kwexesha elide, bendicinga ukuba singawuphumelela umdlalo. Namva kokuba befumene igowuli, bendingenayo ingxaki yokufumana inqaku elinye. Into endiphoxileyo ligowuli lesibini elingene sekuphela ixesha lomdlalo. Andiphoxekekanga kodwa yindlela iqela elidlale ngayo kwaye siyayazi ngoku into efunekayo xa sidibana neMorocco emdlalweni wesibini. Sikwazile ukulwa neMorocco ebinamandla. Ndiyathemba ukuba siza kuyibetha kabini iLiberia xa sidibana nayo,” utshilo uBroos. UGroup K umanazwe amathathu emva kokuguzulwa kweZimbabwe ngenxa yemiba yayo neFIFA. Nangona kukho ilizwe elingekhoyo, mabini amazwe aza kuya kwiAfrica Cup of Nations ekunyaka ozayo.