USiya Kolisi uzingomba isifuba ngabantu baseMpuma Koloni

Ukapteni weBoks, uSiya Kolisi, uphakamise indebe yehlabathi emva kokuthetha namawakawaka abantu phambi kweholo laseMonti namhlanje ekuseni. Umfanekiso: Pedro Mapelo/ANA

Inkokheli
yeqela lesizwe lombhoxo, uSiya Kolisi, uyibulele ngokungazenzisiyo inkxaso
abantu baseMpuma Koloni abayinike iqela lakhe ngethuba lidlala itumente
yehlabathi. UKolisi uthethe nawakawaka abantu emsithweni wokuvuyisana
naMabhokobhoko obubanjelwe eholweni laseMonti namhlanje ekuseni. AmaBhokobhoko
agaleleke eMonti izolo (Lwesihlanu) xa kutshona ilanga esuka eThekwini
kwiphondo laKwaZulu-Natal – apho ebekusuku lwesibini lotyelelo. Kwiveki
ephelileyo, AmaBhokobhoko aphumelele iNdebe yeHlabathi ityeli lesithathu kwimbali
yombhoxo emva kokuvuthulula iNgilane ngo’32-12 emdlalweni obuseYokohama Stadium,
eJapan. Namhlanje abadlali beSpringboks nabaqeqeshi batyutyha-tyhutyhe idolophi
yaseMonti neelokishi zayo bebonisa abantu indebe ababuye nayo eJapan.

 Image may contain: 4 people, people smiling, people standing and outdoor

Abantu
bebephume ngoonina; abanyama nabamhlophe, abadala nabancinane bebezalise
izitalato bebhiyozela iqela lesizwe. Abadlali beBoks abebekhona bebequka
uMakazole Mapimpi, olele emngceni kathandathu emidlalweni yehlabathi, kunye
noLukhanyo Am – okwayinzalelwane yaseMpuma Koloni. “Ndiyayibulela kakhulu
inkxaso enisinike yona bantu baseMpuma Koloni. Ndiyaziqhenya kakhulu ngani,”
utshilo uKolisi obedlamkile kucaca okokuba uchulumanciswe zizihlwele
ebezikhwaza igama lakhe. Nangona ukufika kweentshatsheli zehlabathi bekusaziwa
futhi kulangazelelwa ngabantu abaninzi – kodwa iNkulumbuso yaseMpuma Kolini, uMnu.
Oscar Mabuyane nosodolophi waseBuffalo City, uMnu. Xola Phakathi, khange
babonakale nangotshengele. Umphathiswa weZemidlalo, uNksz. uFezeka Bayeni,
ebesekelwe lisekela-sodolophi laseBuffalo City, uNksz. Zoliswa Matana.

Kuzo
zombini iindawo eliye kuzo iqela lesizwe phambi kokuza eMpuma Koloni, lamkelwe ngabantu
naziinkokeli eziphezulu zikaRhulumente. Nangani kunjalo, isixeko saseMonti besime
ngxi ngamawaka abantu abebevuyela ukubona amaqhawe wabo. Kwiindawo ezifana
noMdantsane, e-Amalinde naseVincent – iindlela bezingahambeki ngenxa yobuninzi
babantu. Ngomso AmaBhokobhoko aza kutyelela idolophi yaseBhayi, iilokishi
nezinye iindawo phambi kokuntingela eKapa – apho aza kuvala khona utyelelo
lwendebe yehlabathi.