USiyabonga Mbatha uthi AmaZulu angasinda ezembeni

Ungxame kangangokuba akasakwazi nokuzibamba unozinti waMaZulu.

USiyabonga Mbatha ukuthethe oku ngethuba encokola neSolezwe ekuqaleni kwale veki.

AmaZulu lelinye lamaqela afana neBaroka FC, iPolokwane City, iBlack Leopards neChippa United aza kulwela ukusinda ezembeni xa kubuya imidlalo kwakhona. Imidlalo yeAbsa Premier Soccer League yaye yahlehliswa yonke ngenxa yekhorona kwiinyanga ezidlulileyo.

Onke amaqela alindile kwaye afuna ukugqibezela imidlalo eshiyekileyo ukuze kucace iintshatsheli kuphinde kucace eliza kuthotyiselwa. “Eli lixesha eloyikisayo kakhulu kodwa siyakufuna ukuyigqibezela imidlalo.

Ndiqinisekile sinawo amandla okuphucuka ezembeni ukuba singabuya sizinikele,” utshilo uMbatha.

AmaZulu ahleli kwindawo yeshumi elinesihlanu, emva kwawo yiLeopards esemsileni neshiywa ngamanqaku amathathu.

Ikhorona yafika Usuthu lubethe iKaizer Chiefs kwaye imimoya yabadlali iphezulu.

Ukunqunyanyiswa kwemidlalo kwamosha izinto ezininzi kodwa ukubuya kwayo kwakunika AmaZulu elinye ithuba lokulwelwa indawo yawo kwiPSL.

“Okubalulekileyo kuthi xa sivula kukubetha amaqela esikhuphisana nawo afana neBaroka neLeopards.

Ndinethemba lokuba xa sibuya siza kulifumana ithuba lokubukela umdlalo esawudlala neChiefs ukuze sikwazi ukuthatha esakwenza kakuhle kufunquke nokuzithemba kuthi.

Ukubetha iChiefs emva kweshumi elinesithathu leminyaka kwasikhuthaza kakhulu,” utshilo uMbatha. Nangona urhulumente esayivalile imidlalo yebhola ekhatywayo kodwa zikhona iintshukumo ezenziwayo ngabaphetheyo.

UMphathiswa wezeMidlalo, uNathi Mthethwa, ebecele iSafa nePSL zize nesicwangciso phambi kokuvunyelwa kwemidlalo kwakhona.

Iingxelo zithi imidlalo ingadlalwa kwinyanga yeKhala ngaphandle kwabalandeli kuba kubalekwa ukosulelana kwabantu ngekhorona ethe tshitshilili kwiindawo zonke.