USolinas ufuna amanqaku aphelele kuMaZulu

Abadlali beKaizer Chiefs ebhiyozela igowuli lesibini kumdlalo wePSL ababethe kuwo iFree State Stars ngo2-0 eGoble Park Stadium ngoLwesibini

Umqeqeshi weKaizer Chiefs, uGiovanni Solinas, uya kumdlalo olandelayo efuna into enye kwiqela lakhe: amanqaku amathathu qha.

Amakhosi aza kuxikixana naMaZulu kumdlalo oza kutaka iintlantsi weAbsa Premier Soccer League ngo’18:00 eFNB Stadium ngoMgqibelo.

Iqela likaSolinas liza kwamkela AmaZulu ukuzithemba kulo kuphezulu emva kokuba libethe iFree State Stars ngo’2-0 ngoLwesibini wale veki neCape Town City ngo’4-1 kwimpelaveki egqithileyo.

Ukuphumelela kwayo imidlalo emibini iChiefs kuyithathe kwayoyibeka kwindawo yesithathu kwiPSL – kodwa umqeqeshi uthi ufuna impumelelo ukuze abalandeli bonwabe.

Indlela edlale ngayo iChiefs kwezi ntsuku iyancomeka ngoba iyawafaka amagowuli – eyona nto ibiyingxaki kakhulu kwiminyaka egqithileyo.

USolinas uthi ukuphumelela umdlalo wempelaveki, kubalulekile kwiqela lakhe ngoba njengeqela elikhulu, kulindelwe lukhulu kuyo ngabalandeli.

“Siza kudlala umdlalo obalulekileyo ekhaya, kufuneka siwathathe amanqaku amathathu. Kubalulekile ukuyiphucula indlela esidlala ngayo emidlalweni kwaye iingqondo zethu kufuneka sizimilisele emsebenzini wethu. IKaizer Chiefs liqela elikhulu. Nokulindelwe kuyo kukhulu. Asikwazi ukubaphoxa abalandeli bethu. Abalandeli bethu bafanelwe liqela elisezingeni eliphezulu. Sisebenza ngokuzimisela ukuze sonwabise bona,” utshilo uSolinas emva kokubetha iFree State Stars – iqela ebekhe waliqeqesha ngaphambili.

Amagowuli ancede iChiefs kumdlalo obuseGoble Park afakwe nguGustavo Paez noPhilani Zulu – abanye babadlali abangaqhelanga kuqala imidlalo kule sizini.

Iinguqu azenzileyo umqeqeshi uzenze kuba efuna ukuphumza abanye abadlali ngenxa yokuxinana kwemidlalo.

AmaZulu liqela eliyisokolisayo iChiefs kwaye ukuzithemba kuse phezulu kuwo emva kokudlala ntanganye ngo’3-3 neMamelodi Sundowns kwiveki ephelileyo.