UTade uwuqhawulwe umtshato obuphakathi kwakhe neMamelodi Sundowns

Emiliano Tade of Mamelodi Sundowns celebrates goal during the 2019 TOTAL CAF Champions League match between Mamelodi Sundowns and Asec Mimosas at the Loftus Versveld Stadium, Pretoria on the 01 February 2019 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Emva
kwexesha elide engadlaliswa, uEmiliano Tade, ucele uqhawulwe umtshato wakhe
neMamelodi Sundowns. Ezi ndaba zibhengezwe yiSundowns ebutsheni bale veki
kumakhasi wayo wonxibelelwano. UTade, 31, ofike eMzantsi Afrika wadlalela
AmaZulu FC, utyikitywe yiSundowns emva kokwenza iziqwenga kwisithuba
esingaphantsi konyaka. Isizini egqithileyo yePSL iphele engasalifumani ithuba
lokudlala kwiSundowns – kanti nakule isizini, ebengabikho nakwiqela labadlali
abangamalalela. Ngokwengxelo ekhutshwe liqela, uTade ucele ukukhululwa ngenxa
yezizazu ezingachazwanga. “Ifolosi yeSundowns, uEmiliano Tade, ucele siqhawulwe
isivumelwano sakhe sengqesho. Umongameli, isigqeba esilawulayo nabaqeqeshi
bayalibulela igalelo elenziwe nguTade kwaye bamnqwenelela konke okuhle ebomini
bakhe,” itshilo ingxelo ekhutshwe yiDowns. Akukacaci nokuba uza kuya kweliphi
na iqela uTade – kodwa ngokomthetho, angabhaliswa liqela elitsha kunyaka ozayo
xa kuvulwa inyoba yokuthengwiswa kwabadlali kwinyanga yokuqala. Nangona uTade
wathathwa eqhuba kakuhle kakhulu esengumdlali waMaZulu – kodwa kwiDowns ufake
amagowuli amabini kwimidlalo elishumi elinambini ayidlalileyo kwisizini
egqithileyo.